SQLSTATE[HY000]: General error: 144 Table './aatc/tiger_page_view' is marked as crashed and last (automatic?) repair failedUkwenziwa kwendlwana zemivundla

Ukwenziwa Kwendlwana Zemivundla

© Karoline Steenekamp

Okufukekayo Ukwakha Iindlwane Zemivundla

Inkoliso yendlwana zemivundla zenziwe ngocingo olutshisiweyo, njengoko indlwana zenziwe ngocino kulula ukuzicoca kodwa ke kufuneka zibekwe kwisakhiwo okanye phantsi kwephahla. Icingo lophahla kufuneka libengu mlinganiselo we 25 x 25 mm okanye 25 x 50 ibe ngu 25 x 12.5 mm umlinganiselo kwaye nocingo lwamacala lungaba 25 x 25mm okanye 25 x 50 mm.
Iindlwana ze planga (ezinophahla) zinga bekwa ngaphandle. Ezindlwana ze planga zihlalisa kamnandi phantsi kodwa ke zifuna iingubo kwaye ziyasebenzisa. Ezenziwe ngomthi owaziwa njenge bamboo zezona zisetyenziswayo kakhulu kwaye zinikeza ukhuseleko kwisimo sezulu naku marhamncwa. Izilab ze concrete ezinamacango enziwe ngengcingo zezona zisetyenziswayo kakhulu apha eMzantsi Afrika.

Umlinganiselo we Ndlwana zeeMIvundla

Xa ubani efuye imivundla, kulungile ukugcina mvundla ngamnye kwindlwana yawo. Amadoda wemivundla ayakwazi ukugcinwa kwindlwana encinci kuna bafazi, njengoko amadoda ahlala ewodwa ngaphandle kwamaxesha apho abafazi bezisiwe ukuze zidibane zilale, kwenzeke imveliso.
Abafazi ke, bafanelwe yeyona ndlwana yakhe yankulu. Kufuneka ke lendlwana ibenkulu ikwazi ukwanela ingqweji okanye indawo yokuhlala yamantshontsho omvundla kwaye ikwazi ukwanela amantshontsho akhulayo de alunyulwe. Ipeni engu 1 m x 0.5 ilungile njenge peni yokukhulisa. (Bona umfanekiso).
Iipeni zokulumla zisetyenziswa ukuhlala amantshontsho asele emadala, nje ukusususa kwawo ko nina. Kufuneka ubuncinci be ndlwana ezimbini ngamfazi mnye womvundla njengoko imivundla isehlulwa ngokwesini xa zilumlwa, abafazi bodwa, namadoda odwa.
Imivundla emincinci ehlulwe ngokwe sini ingahamba ibaleke ngaphandle ikhule ngapandle kwindawo ezinkulu ezingaphandle zokuhlala. Le ke, yindlwana enkulu, okanye indawo yoku balekela apho kungakhuliswa ukuyoma kwi shumi lemivundla ebhinqileyo ingakhula khona yonke, okanye ishumi lamadoda emivundla. Ezindlwana zinkulu zingaphandle zenziwa ngamacingo, ngamaplanga, okanye zakhiwe nge konkrete apha phantsi, njengoko ikonkrete isenza indawo yangaphandle ephangaleleyo yokudlala.

Translated by Zikhona Plaatjie