Ukuvelisa Inkunzi ne Mazi Zemivundla

© Judy Stuart

Inkunzi Zemivundla

Inkunzi onazo kumhlambi wakho wemivundla ze zona zilwanyana ekufanele uzixabise kakhulu, kwaye kufanele zibe kudidi oluphezulu. Inkunzi yomvundla ekulungeleyo ukuvelisa idibana ngesondo nemazi ezilishumi (10) ngenyanga, lilonke imbewu yazo ibe isasazeke kubantwana abanininzi ukudlula izizukulwana ze mazi enye. Kwinyanga enye, angatyala imbewu kubantwana abangamashumi amathandathu (60) ukuyoma kumashumi asibhozo (80), kuxhomekeke ekuzalweni, nasekulumleni.
Le nkunzi ilungele ukuvelisa kufuneka ingasokolisi, kwaye ibekwindlu ekulula ukufikelela kuyo. Umnyango wendlwana yayo kufuneka ubemkhulu ukuze kubelula imazi zingenele iphuma kuyo. Inkunzi kufuneka zihlaliswe zodwa, ngokuba inkunzi ezimbini zingalwa kakhulu kwaye zenzekalisane inzala lula. Njengoko inkunzi zithanda ukufafaza umchamo kubamelwane, indawo eyahlulayo eqinileyo ingaluncedo kakhulu.
©Judy Stuart

Imazi Zemivundla

Imazi ke ifuna ukusiwa kwi nkunzi. Imazi ziyayithanda indawo yazo kwaye zinga nomsindo xa inkunzi ihleli endaweni yazo kwaye ingayiqubula xa ivele ingene. Xa ukhetha imazi ngenjongo zemveliso, jonga okokuba zinazo iingono zamabele ezisi bhozo (8) xa izakuzala imivundla emikhulu okanye isithandathu (6) xa izakuzala imivundla ephakathi.
Phambi kokubeka imazi endlwini ye nkunzi, khangela okokuba isebushushwini. Khupha imazi endlwaneni yayo uyiguquguqule ezingalweni zakho ngesandla esinye ngobu nono tsala umsila ubuye umva wakugqiba ucofe ngobunono apha kwindawo yesondo eyaziwa ngokuba yi vulva.
Xa ufumanisa oko kuba indawo yesondo incinci kwaye imbala upink, buyisela kwindlwana, umphatha phathe kaninzi ukususela entloko ukuyoma emsileni ukuvuselela umdla, uphinde umvavanye ngosuku olulandelayo. Imazi elungele ukudibana nendoda iyadumba, ibenombala opurple omnyama.
Faka imazi kwindlwana ye nkunzi ubukele. Inkunzi izakusondela, emvenini koko ziyakhawuleza ukwabelana ngesondo. Inkunzi iyamphakamisa, imazi iphakamise apha ngemva isuse apha phantsi. Inkunzi ke ifetsha ithutyana, ichithele kwimazi ngokuthi nca apha kwimazi ngemva iwe yakugqiba, iwele ecaleni okanye okanye iwengomva.
Yonke lento yenzeka ngomzuzu omnye okanye emibini. Linda ukwabelana ngesondo okulandelayo, susa imazi uyibuyisele kwindlwana yayo.
Kwi khadi le mazi (bona ukugcina iinkcukacha) bhala phantsi usuku loku dibana ngesondo, igama nenani lenkunzi esetyenzisiweyo ubhale phantsi kwincwadana. Emveni kwentsuku ezimashumi mabini anesixhenxe (27) mnike ingweji, egcwele yingca eyomileyo nentsasa. Abantwana bazakufika ngosuku lwamashumi amathathu (30) okanye amashumi amathathu ananye (31) emveni kokudibana kwaye abantwana baye bazalwe kwi yure zakusasa kakhulu.
Umama womvundla ke wenza ingqweji, kwi bhokisi yakhe yee ngqweji esebenzisa akunikiweyo kwaye asuse iinwele esifubeni sakhe nase siswini ukwenzela intshotsho ibhedi. Akuvamanga ke okokuba imazi izale kukho abantu abangqungileyo. Imazi ke izala ngoku khawuleza, kwaye ikhawuleze ilence abantwana ngenjongo yokubacoca, isuse abafileyo ibabeke ecaleni. Xa bomile iyabatyisa. Imazi zincancisa kabini ngemini, xa kuphuma ilanga naxa kutshona ilanga. Akuvamanga okokuba umvelisi anone imazi ityisa umntwana. Imazi ithanda ukuzifihla yodwa.
Uyakubona ke okokuba izele ngenduli yoboya ebokisini. Yiphazamise imazi ngokuyinika (ingca, okanye iminqathe njalo njalo). Uvule ingqweji ngobunono, ubale abantwana, ujonge okokuba akho bantwana bafileyo okanye ingxowa yesizalo eshiyekeleyo yaziwa ngokuba yi placenta. Susa konke okumanzi kwindawo yokulala, gquma abantwana kwakhona, ushiye imazi nabantwana de kubeyintsasa elandelayo.
©Judy Stuart

Translated by Zikhona Plaatjie