Ukutyalwa kwe Rosemary

Ukwandiswa

©Louise Brodie
Ukwandiswa kwe rosemary kuse nokwenziwa ngokuhlwayela imbewu okanye kutyalwe iziqu ezisikiweyo. Thatha izithole ezingama 20 cm ezisandula kukhula uze ususe amagqabi angezantsi uze uzifake emanzini. Qiniseka ukuba lendawo kususwe kuyo amagqabi inkxuzeke yonke emanzini.
Xa sele ufumene zonke izithole ozidingayo, lungisa indawo ozakutyalela kuyo. Le ivamise ukuba ngumxube wesanti kunye nowokutyala kwiinkonkxa zokutyala. Nkxuza incam ze rosemary emanzi kumxube obizwa nge plant hormone mix ube sele utyala kumhlaba wakho olungiselelwe ukutyala.
Amafama amakhulu entengiso avamise ukutyala izithole ebezikhuliselwe kwindlu yezityalo (greenhouse). Imbewu ityalwa kwii treyi zezithoe malunga nobunzulu obuzi milimitha ezisi 8 ukuya kwi 10. Xa sele zintshulile sele kuphume nezithole ezomeleleyo, zingabe sele zisiya kutyalwa entsimini.
Iimbewu ze rosemary zithatha ixesha ukuntshula, ngoko ke hlwayela umlinganiselo ophindwe kane kunalowo uwudingayo. Noko iimbewu azixabisi kangako. Xa sele unazo zonke iindidi zesi sityalo, kulicebo elihle ukuba uqalise ukusika iziqu kwizityalo esele zikhona. Ukuze uphinde uzityale kwakhona. Oku kwenza imveliso yakho ikhawuleze.

Ukuqelelanisa

Izityalo ze rosemary kufuneka ziqelelaniswe malunga nama 30 cm kwimiqolo engama 50 cm ukuqelelana. Lo ngumlinganiselo obhalelwa kwizityalo ezimalunga nama 60 000 kwi hekthare nganye. Iindlela zezixhobo zolimo kunye neze trekthare kufuneka zenziwe ukuze kubelula ukulawula intsimi nokulima.

Ixesha Lokuhlwayela

Hlwayela imbewu ye rosemary kwii treyi zembewu kwindawo ekhuselekileyo okanye kwindlu yokutyala (greenhouse). Ungakwenza okungenyanga ka Juni kuthi kuba sekuqaleni kwentwasa hlobo zibe izithole sele zomelele ngokwaneleyo ukuba zingatyalwa entsimini.

Ixesha Lokutyala

Tyala izithole ze rosemary ekuqaleni kwe ntwasa hlobo. eMzantsi Afrika eli xesha lipha sekupheleni kwenyanga ka Agasti ukuya ekuqaleni kweka ka Septemba.

Ixesha Lokukhula

Iiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi kwindlu yokutyala kufanele ukuba kuvelise izithole ze rosemary ezomelele ngokwaneleyo ukuba zingaya kutyalwa entsimini. Kwi mveliso ze rosemary entsha, amanye amafama aqala ukuvuna incam ezisandula ukukhula xa zineeveki ezilishumi elinesibini zityalwe entsimini. Kufuneka kuqatshelwe zingavunwa ngokugqithisileyo kunyaka wokuqala, njengoko oku kuza kudodobalisa ukukhula kwesityalo. Ukuvuna okupheleleyo kuvamise ukwenziwa kwiiveki ezili 12 ukuya kwezi 15 emva kokutyala. Izityalo ze rosemary zingavunwa kangangesithuba seminyaka eli 15 ukuba ziphethwe kakuhle.

Izichumiso

Ngaphambi kokutyala, isuntswana lomhlaba kufanele lithunyelwe e lab ukuze liyohlolwa. Ukuze kwaziwe izinongo zomhlaba ezizakudingwa sisityalo esizakutyalwa. Njengomkhomba ndlela, le ngcebiso ilandelayo ingasetyenziswa xa kungakhange kwenziwe uhlolo lomhlaba. Kungaqale kugalelwe ama 600kg ohlulwe ngokwezabelo eziyi 3:1:5 kumhlaba ongaphezulu onobunzulu obungama 20 cm ngaphambi kokutyala izithole ze rosemary. Oku kuza kunika izithole ezitsha ithuba elingcono lokuba zizinze kwaye zikhule kakuhle.
Kwinyanga ezili 12 zokuqala, kubalulekile ukuba izityalo ze rosemary ziqhubeke nokukhula. Ngoko ke, ungagalela kabini ama 400 kg ngezabelo ezi 3:1:5 kanye apha ecaleni kwemiqolo yezityalo. Ungagalela okokuqala ngenyanga ka Disemba, uphinde kwakhona ngeka Epreli. Kucetyiswa ukuba ugalele izichumiso rhoqo emva kokuvuna. Ungagaleli izichumiso ngokugqithisileyo njengoko oku kucutha incasa yemveliso.

Ukunkcenkceshela

Nangona isityalo se rosemary sibonwa njengesityalo esi lukhuni, akulunganga ukusifaka uxinzelelo ngokusi nkcenkceshela kakhulu. Oku kungabangela izifo zengcambu, okanye xa ungasinkcenkcesheli ngokwaneleyo ungachaphazela ukukhula kwesi tyalo kunye nemveliso.
Ngoko ke, kungcono ukufakela izixhobo ezimeta ubumanzi bomhlaba. Ukuze zihlale ziwugadile umhlaba ungomi okanye ubemanzi kakhulu. Kuxhomekeka kwintlobo yomhlaba, umlinganiselo wamanzi ankcenkceshelwayo ayohluka kwintsimi nganye. Umlinganiselo olungileyo uphakathi kwama 25 kunye nama 35 mm ngeveki, ngethuba lenyanga ezifudumeleyo zehlobo. Ungawucutha lo mlinganiselo kwiinyanga ezipholileyo okanye ezinethayo zonyaka. Zama ukuba ungankcenkcesheli kwiveki eyandulela ukuvuna. Kodwa nkcenkceshela ngoko nangoko emva kokuvuna ukuze umhlaba ubuyele esimeni sawo sokufuma esidingekayo.

Translated by Zizipho Silwana