Ukutyalwa kwe Midiliya

© Johannes Mellet Wineland
Imithi yemidiliya ivamise ukube sele ityaliwe ekupheleni kobusika. Pha kwinyanga zika Julayi kunye no Agasti. Kwiingingqi apho iqabaka iwa kade okanye xa umhlaba umanzi kakhulu emva kwemvula zobusika, kufanele ityalwe kade. Ukuba kuyenzeka, ipali namacingo obuchule be trellis kufanele kube kanti sele zifakiwe. Imithi yemidiliya ilandwa kubathengisi ao ngexesha elisekiweyo kwaye kufanele igcinwe ipholile kwaye ifumile ukuze ingomi ife. Isenokugcinwa phantsi kwesanti emanzi emthunzini we sakhiwo okane kwigumbi ekugcinwa kulo izinto ezibandayo. Kubaluleke ngeyona ndlela ukuba lemithana iphathwe ngendlela phambi kokuba ityalwe.
Kukwalungile nokuyeka imithana emanzini imini enye ukuze ifunxe ubumanzi phambi kokuba ityalwe. Inani elibaliweyo lemithana liyathatha liyokutyalwa kwintsimi yemidiliya, logama eminye ishiyeke igcinwe kwimo emanzi okanye emanzini ngqo. Ukuba iingcambu nemithana zinde kakhulu zingashungulwa kancinci. Imingxuma yokutyala inobubanzi obungama 30 cm x 30cm nobunzulu obubalelwa kuma 30 cm. Le mingxuma igrunjwa emhlabeni ongaqinnga nomanzi. Ukuba kuyadingenka, imihlaba eqinileyoingavunguzwa ngefolokhwe ukuze ingcambu zizinze kakuhle emhlabeni.
Umgquba osemgangathweni owenziwe ngezityalo okanye umgquba nje oqhekeleyo ufakwa emhlabeni ukuze inyuse izinongo zomhlaba zendalo yenze ne microbes zomhlaba. Le mithana kufanele ityalwe, ukuze amasaba afakelweyo (graft union) abezi 5cm phezu komhlaba. Iingcambu zona zijonge emazantsi zithi saa. Iingcambu akufanele zonke zijonge ecaleni kanye – Oku kubizwa nge J-roots. Emva koku, umngxuma wokutyala uthiwa gabhu ngomhlaba uze ubambathwe kancinci. Emva kokuba imithana ityaliwe, kufuneka inkcenkceshelwe ngendlela ukuze umhlaba ubenokugquma ingcambu kakuhle.

Translated by Zizipho Silwana