Ukutyalwa kwe Basil

© Marinda Louw

Ukwandiswa

Ibasil ingakhuliswa ngokuhlwayela imbewu,kodwa nezithole zinga tyalwa. Abalimi bentengiso batyala ibasil ngokuhlwayel imbewu ngqo. Enye indlela exhaphakileyo kukukhulisela izithole kwindawo ekhuselekileyo okanye kwindlu yokutyala (greenhouse), ze zikhutshwe ziye kutyalwa emhlabeni ophandle emva kwee veki ezintathu ukuya kwezine.

Indlela Yokutyala

Ukutyalwa kwezithole ze basil kunye nokuhlwayela imbewu kungenziwa ngesandla okanye ngemitshini yokutyala. Hlwayela imbewu kwi 10 cm yomqolo ukuqinisekisa ukuba ibasil imila kakuhle yaye incipha ngendlela efunekayo ekuhambeni kwexesha.

Ukuqelelanisa

Izityalo kufuneka ziqelelane kangaka ngama 30 cm kwimiqolo eqelelene kangangama 50 cm. Kumtyhi ongaka kuphuma izityalo ze basil eziphakathi kwama 65000 kunye nama 67000 kwi hekthare nganye. Amanye amafama entengiso anyusa ukuxinana kwezityalo, zibekuma
80 000 ukuya kuma 100 000 ezityalo kwihekthare nganye.

Ixesha Lokuhlwayela

Hlwayela imbewu ye basil ekuqaleni ukuya esiphakathini se ntwasahlobo, uqiniseke ukuba ziyagqitha iiqabaka zokugqibela. eMzantsi Afrika, eli xesha liba sekupheleni kwenyanga ka Agasti ukuya kweka Okthobha.

Ixesha Lokutyala

Ukwenza izithole ze basil kwindlu yokutyala (greenhouse) ngenyanga ka Julayi, kuzakunika iveki ezimbalwa zexesha lemveliso. Ungazikhupha izithole xa sele zimalunga nama 150 mm ubude, kanye emva kweeqabaka zokugqibela ukusuka kwinyanga zika Agasti ukuya kweka Okthobha.

Ixesha Lokukhula

Ingavunwa okokuqala emva kweeveki ezilishumi ukusukela kwixesha imbewu ye basil etyalwe ngayo, ukuya kwixesha lesivunosokuqala. Emva koko ibasil ingaphinda ivunwe izihlandlo ezibini malunga ne 15 cm phezu komhlaba, ushiye isiqu esizakukwenza kubelula ukuba ikhawuleze iphinde ikhule kwakhona.

Isichumiso

Musa ukuchumisa ngokugqithisileyo njengoko oku kuzakwenza ikhawuleze ukukhula nokudubula iintyatyambo. Chumisa ngokwezidingo ezivele kuhlolo lomhlaba,ngaphambi kokuba utyale. Malunga nama 200 ukuya kuma 300 kg e 3:1:5 xa izityalo zimalunga nama 20 cm ubude. Lo mlinganiselo uza kwanela kude kufikelele ixesha lesivuno sokuqala. Galela umlinganiselo olinganayo rhoqo emva kokuvuna. Izinongo zamagqabi nazo zilungile ukuze amagqabi abesempilweni kwaye achume.

Unkcenkceshelo

Ibasil ayidibani kwaphela noxinzelelo lwamanzi, ngoko ke kubalulekile ukunkcenkceshela umhlaba ngendlela ocetyiswe ngayo ehambelana nendidi yomhlaba otyale kuwo. Fakela imitshini yokumeta ubumanzi bomhlaba. Amanzi amaninzi azakwenza kukhule iintyatyambo, nto leyo izakuchana imveliso. Ibasil ingankcenkceshelwa ngesinkcenkcesheli esitshizayo okanye esi thontsizayo (sprinkler okanye drip). Ukunkcenkceshela nge drip kokona kulungileyo, kuba kugcina amagqabi omile.
Amagqabi amanzi angabangela ukungunda, nto leyo inokonakalisa amagqabi. Amagqabi ebasil angakhula ngamanzi amalunga nama 40 mm ngeveki, kodwa ke oku kuxhemekeka kwimo yezulu. Kucetyiswa ukuba unkcenkceshele kabini ukuya kwisithathu ngeveki. Kwimihlaba enesanti, kungadingeka ukuba unkcenkceshele rhoqo emva kweentsuku ezimbini. Ukubeka ingca phakathi kwemiqolo yezityalo kungumbono omhle, njengoko kunokunciphisa amathuba omphunga. Usenokubeka ingca yokwenene okanye ubeke ekanobumba. Oku kukwathintela nokhula.

Translated by Zizipho Silwana