Ukutyala i-Galikhi

© Louise Brodie

Usasazeko

Usasazo lwenzeka ngokutyala amakhatshu enza amagaqa wesisityalo se-galikhi.

Indlela Yokutyala

Amakhatshu e-galikhi atyalwa kwizitiya eziphakamileyo ezingange mitha enye okanye kumhlaba ombaca, olungiselelwe ucoceko lomhlaba. Amagaqa e-galikhi ayachutywa kwaye amakhatshu ayasuswa azimele odwa. Xa utyala, khetha amakhatshu aqinileyo ukwenzela imveliso efanayo yamagaga we-galikhi. Imisele engange sentimitha eyi 5 iyombiwa kwaye yohlulwa ngendlela efunekayo.

Ulwahlulo

Amakhatshu e-galikhi ahlulwa kangange sentimitha eziyi 10 ngaphandle kwimiqolo ehlulwe nge sentimitha eziyi 20 ukuya ku 30, lonto ixhomekeke ukuba ufuna i-galikhi yakho ibenkulu kangaka nani na. Isivuno se-galikhi sikhupha amagaqa ayi 400 000 ukuya ku 500 000 ngokwe hektare nganye.

Ixesha Lokutyala

Igalikhi ingatyalwa nanina na enyakeni ukusuka pha kwinyanga yoMdumba.

Ixesha Lokuyikhulisa

Ukusuka kwinyanga yesihlanu ukuya kweyesithandathu emveni kokuba ityaliwe.

Uchumiso

Hlola umhlaba kuqala ukuqinisekisa ukuba izidingo zokuchumisa kunye nezesidlo zonele. Xa ulungiselela ukutyala nokulima faka umgquba emhlabeni phambi kokuba utyale.
Igalikhi esele ityaliwe iyakwazi ukusebenzisa amakhatshu wayo njenge ngcambu kwaye ngalondlela itsho ikhuphe amagqabi. Kwintsuku eziyi 14 ukuya ku 21 emva kokuyityala, sasaza kwindawo esele ityaliwe, ikhilogram eziyi 500 kunye neziyi 800 ze 3:2:3 (umxube we- Nitrogen, iPhosphate kunye nePotassium) ngokwe hektare enye. Ngokwenza lonto, amakhatshi we-galikhi nawo ayangcamla, lento ilungele ukukhula kweengcambu kunye nophuhliso lwamagqabi, ekugqibeleni ufumana igaqa elikhulu le-galikhi.
Malunga neeveki ezisibhozo emva kokuyityala, ngexesha lokukhulisa igalikhi, kufuneka usasaze iikhilogram eziyi 250 ukuya ku 300 ze 3:2:3 ngokwe hektare enye. Ukuba imifuno ikhula kakuhle, asikho isidingo sokuba usebenzise umgquba. Ngamanye amaxesha kumhlaba owomileyo okanye onesanti kufuneka usebenzise ntlobo ithile yomgquba.

Unkcenkceshelo

Ukogquma isityalo se-galikhi yindlela elungileyo leyo kuba isusa ukhula kwaye ibuyisa nokufuma komhlaba. Indlela yonkcenkceshelo ixhomekeka kwiindidi zomhlaba nakwi meko zemozulu.
Igalikhi ayivani nokukhula kwindawo engafumanga kuba iingcambu zayo zimfutshane. Kubalulekile ukujonga ukuba ukufuma komhlaba lungaphezu kwee-sentimitha eziyi 30 emhlabeni ukuphelisa lengxaki. Lento ingenziwa ngophenyo lwe-neutron, imitha yokulinganisa umhlaba okanye xa ezizinto zingenzeki ungasebenzisa isandla.

Translated by Aviwe Damane