Ukuthengiswa kwe Sivuo se Papa

©Eric Miller
Intengiso yepapa ayizinzanga, yenze okokuba amaxabiso ohluke kakhulu. Kunzima ukunciphisa umngcipheko xa uvelisa isivuno esifana ne canola okanye ingqolowa ye bhali, apho intengiso yogqunyelelwe ngabanthengisa into enye. U-Ikageng Maluleke, ongusozimali osakhasayo eGrain SA unikeze ezingcebiso zilandelayo kweliphepha, i-The ABC of Marketing Your Crop, kumafama avelisa isivuno esinabathengi abohlukileyo, ezifana nengqolowa, umbona kunye nembotyi kunye ne soya.

Ukugcina kuma Tanki njenge Qela

Emveni kokuvuna, amafama agagcina ingqolowa kwi ndawo eyaziwa ngokokuba yi ‘co-opearion silo’ ukuze bathengise ngexesha xa amaxabiso engcono. Ixabiso lokugcina nokusebenza ngengqolowa kunye nelo kuphelelwa ngumdla ngenxa yentengiso yamva, lengcebiso ingangabiyiyo engcono.

Ukugcina kumatanki Umfama Ngamnye

©Glenneis Kriel
Ingqolowa ingangcinwa ngumfama azigcinele ngokwakhe kodwa ngenxa yemali eninzi efunekayo ukwakha amatanki, amafama amaninzi awayiboni inzuzo yawo. Ngaphandle koku, izakuba ngumfama okufuneka ajonge, aphinde alawule ingqolowa kwitanki lakhe, logama kuqashwa abawaziyo umsebenzi kumatanki eqela.

Ukugcina kwizi Khwama

Ingqolowa ingagcinwa kwizikhwama kwaye zona zinamaxabiso aphantsi kunamatanki. Amafama kufuneka aqonde okokuba, umgangatho wengqolowa uzakwehla kwixesha elongezelekileyo elizayo.

Izivumelwano Zaphambi koku Vuna

Izivumelwano sanga phambil, sisivumelwano phakathi kwaba bini sokuthengisa okanye ukuthenga nokuba yintoni kwixesha elizayo, ngesiqhelo kwixabiso elibekiweyo. Eyona nzuzo enkulu yeyokuba unabathengi ababucala bemveliso yakho, kodwa awuzukuxhamla kukutshintsha kwama xabiso kwaye kunyanzeleke unikeze amanani anqongopheleyo. Umfama eneneni kunganyanzeleka abhatale isohlwayo okanye athenge okuninzi kwabanye abavelisi ukwenzela ukungoneli kwemveliso.

Sebenzisa Intengiso yo Mzuzu kunye ne Ntengiso yeXesha Elizayo

Amafama angafui ukugcina ingqolowa, angathengisa ngalomzumzu kubathengis emveni kokuvuna aphinde athengele ixesha elizayo, ukuze afumane imali xa amaxabiso encumisa exesheni, kwaye oko kungenzeka emveni kwexesha. Umngcipheko woku kukuba amaxabiso entengiso angehla, oko kwenze ilahleko.

Sebenzisa Intengiso Yexesha elizayo kunye Nezinye Indlela

Amafama angazifaka ekoneni ngamaxabiso atshintshayo ngokuthenga kwi Commodity Derivatives Market, ebizwa ngokuba yi Safex. Kuqhelekile okokuba amafama avalele isiqingatha sesithathu sengqolowa phambi kokutyala ukogquma amaxabiso emveliso avalela ezinye exesheni ngokwamaxabiso nokutshintsha kwawo. Okungcono kukuvumelana ngexabiso ‘elingcono’ malunga nexabiso lakho lemveliso ngokwe hectare. Ukulinda amaxabiso ukuba onyukele phezulu kungenza amathuba aphosiweyo.
Ukutengisa ngoluhlobo kufuna ulwazi oluninzi, kuba kufuneka wazi okokuba kwenzeka ntoni kwezezimali zomhlaba jikelele. Ngesisizathu amafama, aye aqashe abarhwebi, bona ke banexabiso labo, ukuze baba rhwebele endaweni yabo.

Ukutya kwezi Lwanyanya

©Glenneis Kriel
Xa amaxabiso esezantsi, kungangcono ukunikeza isivuno kwimfuyo yakho okanye uyithengise njengokutya kwamanye amafama. Amaxabiso okutya kwezilwanyana ayatshintsha, lilonke asikho isiqinisekiso sokuba izakwenza ingeniso ngamaxesha amaxabiso esivuno asezantsi ngawo.

Translated by Zikhona Plaatjie