Ukususa Ufele ne Miphakathi

© Garitzko

Umzimba kufanele uxhonywe intloko ijonge ezantsi ukuze isisu, kancinci nje ezantsi kwamaphambili, simelane namehlo akho. Xhoma kwi huku ezibhityileyo ezibukhali ezingene kwinyawo zangemva.
Usebenzisa imela, engama 12 cm yokususa ufele, sika ufele ukusuka kwinyawo langemva apho ihlatywe khona yi huku. Faka imela ngaphantsi kwefele phakathi kwemilenze yangemva uyihambise ukusuka ngemba ukuya emsileni kwelicala line ndutsu. Ngeminwe yakho, susa ufele enyameni kwithanga ngalinye.
Tshova umsila usike ithambo ukuxe umsila uhlale uncamathele kwifele olusemqolo, kunye namaphambili akwicala elinesisu. Qhubekeka ukususa ufele emzimbeni wehle nalo, njenge kawusi ephendulelweyo, tsala uhlise ngezantsi komsila, uze uyikhuphe esiswini ngeminwe yakho ngaphambili. Ufele lungasuswa lungamoshekanga - Qaphela ungakrazuli umgca wezihlunu embindini wesisu.
Tsala iinyawo zangaphambili ukuya ezinyaweni ukuze kushiyeke iinyawo kunye nentloko ngaphakathi kwefele elisusiweyo okungathi yikawusi. Ngoku sika amalungu wenyawo zangaphambili, usikwe nentloko ngaphezulu entanyeni kangangoko unakho. Ufele, lusekwinyawo zangaphambili nentloko isekhona, beka ecaleni ubuye ngazo xa sele ugqibile ngomzimba.
Sika kancinci kumbindi womgca wesisu ungakrazuli kakhulu kuvele iziphakathi. Ngononophelo vula lomgca kancinici unyuse ufikele ngakumaphambili. Ngoku sika icartilage macala kumaphambili uqaphele ungakrazuli isinyi nesisu.
Tsala lomgca uwusikileyo wehle ususe u viscera kunye nesinyi sisavalekule, uqaphele ungakrazuli isibindi, nekufanele sikhutshwe ngoko nangoko. Ngoku ohlula isifuba ukuze ukhuphe amaphaphu ukhuphe nenyama zika qhoqhoqho. Sika ufele olujikeleze intloko.
Isibindi, izintso, intliziyo kunye namaphaphu, zonke ziyatyiwa - zikwabonwa njengezimuncu-muncu - Ngoko zibeke okanye usebenzise ngendlela othanda ngayo. Susa kwinyawo ezingemva ngokusika kulendawo inehuku. Ngendlela eshiya izihluni zamathanga zibambelele emalungwini.
Xa sele uwucocile umzimba ngelaphu elimanzi ukulungele ukucakacwa okanye ubotshwe. Ukuze ubophe, goba ihuku ngaphambili esifubeni. Uze utsale nenyawo zangaphambili ukuze ibenenkangeleko e rawndi.

Translated by Zizipho Silwana