Ukuqwalasela Iingxaki Ezinkukhwini – Ngokuva

© Chris Daly
Ngaphandle kokusebenzisa amehlo, amafama kufuneka asebenzise ukuva ukuqwalasela izifo nokumelana neengxaki. (Funda ndakumbi ngokusebenzisa amehlo ukuqwalaseleni iingxaki.)

Sebenzisa Iindlebe

Mamela iintaka. Xa zimana ukuntyiloza, oko kuchaza ikhona ingxaki. Maxa wambi kukho utshaba elunje ngesikhova okanye inyoka ephazamisa uxolo nolonwabo. Ngemeko ezinje ke intaka ziyezigxanye zingqunge zifuna indawo ekhuselekileyo.
Kubalulekile ukumamela ukuthimla, godola, uminxana, khohlela okanye ukurharhaza noku phefumla nzima. Ezi mpawo zingachaza iingxaki nesifuba, okanye amanqanaba aphezulu e Ammonia okanye ukungaphathwa kakuhle lugonya lwase Newcastle.

Sebenzisa Iimpumlo

Xa ungaphathekanga kakuhle ukuhlala ehokweni yenkukhu ngenxa yevumba no moya onukayo, nazo ke azisoze ziphatheke kakuhle. Zama ukuba kwinqanaba lentaka. Phefumlela phezulu unukise umoya. Kufuneka lomoya unuke mtsha, kodwa akufunekanga kubekho imalela efikelela ezintakeni. Uthuthu oluninzi lungenza izifuba zikrweleke kwaye zibene Escherichia coli bracteria leyo ke inokuthi yenzele usuleleko olunzulu.
Ivumba eliqatseleyo le ammonia lichaza ingxaki nendawo engenisa umoya, udothi okanye ukungalawulwa kokusela. Ngaphandle kokunuka kakubi, izakwenza ulusu namehlo zityabuke. Ingxaki ke yeyokuba I ammonia ingabe seyidale ingxaki apha phezulu esifubeni ezintakeni ngexesha afunyaniswa ngalo- ivumba layo. Amantshonstho ngawona asemngciphekweni we ammonia ngaphezu kwentaka ezinkulu. (Funda ngakumbi ngokungcolisa nolawulo lokungenisa umoya.)

Sebenzisa Umlomo

Nukisa kwaye uve ukutya namanzi. Indawo zokuselela namanzi kufuneka zicoceke ngangokuba nawe ukwazi ukuselela kuzo. Ngokufanayo nendawo zotyela. Amanzi akufunekanga kufumaneke izinga eliphezulu le chlorine kuwo njengoku ingenza ingxaki ekuseleni kwaye idale iingxaki kwizintso.
Ukutya okunuka ngathi kudala kungane mycotoxins, zona ke ezingenza izifo zenze okokuba zingatyebi iinkukukhu. Ityiwa eninzi ingenza zibile ntoleyo ingenza ingxaki ekuhoyeni ubumdaka. Sikhumbule okokuba ukutya okudala akunasondlo.

Sebenzisa Izandla

Yiva kwaye ubujonge ubumdaka. Ukuba bumanzi kakhulu, okanye buqinile bubumbene ikhona ingxaki yobumdaka engadala izifo okanye okonzakala.
Kubalulekile ukuzithathela ezandleni intaka uve ngesandla imeko yayo ngokuva imisipha apha ngaphantsi kwe thambo le bele. Kwi nkukhu esempilweni imisipha igcwalisa ithambo lebele, kodwa lithi livakale ithambo lebele ngokucacileyo mincinci imisipha macala xa intaka zigula, zingatyi okanye zingafumani kutya kwaneleyo.

Translated by Zikhona Plaatjie