Ukuphathwa kwe Tela yee Nkukhu

© Chris Daly
Ukulawula ubumanzi ngundoqo wokuphatha itela yee nkukhu. Itela eyome kakhulu engumgubo ingabangela ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni weenkukhu okanye iingxaki zokuphefumla, logama itela emanzi kakhulu inokuphuhlisa ukukhula kwee ntsholongwane nezokungunda kwaye ibangele nokukhula okugqithisileyo kwe ammonia. Itela eyome kakhulu nemanzi ingakhokelela kwingxaki ezininzi ze zilonda, ukutsha kwesikhumba, ukukhuthuka, nomgangatho owehlileyo wenyama.
Ukuze itela isebenziseke kakuhle, amaqondo amanzi kufuneka agcinwe ephakathi kwe pesenti ezingama 20 ukuya kuma 25. Xa ezilingene isandla zibunjwa zibeyi bhola, itla kufuneka ibumbeke kancinci. Ukuba imanzi kakhulu izokudibana njengebhola ze kuthi ukuba yome kakhulu ingabumbani konke konke.

Ingcebiso Zokuyiphatha

©Chris Daly
Ukuphatha ngendlela kwetela kuqala ngokusetyenziswa ko mandlalo owenziwe ngezinto ezilungileyo. ( Funda banzi ngomondlalo apha). Umandlalo kufuneka ubekwe ngendlela phambi kokuba usetyenziswe, kuba oku kuzakubanzima ukukucwezela ingxaki ze tela emanzi ukuba umandlalo ubusele ufumile ngethuba ubusandlalwa ehokweni yenkukhu. Amanye amafama ayondlala kwihoko, kwisithuba seveki phambi kokuba iinkukhu ezintsha zifke, ukuqinisekisa ukuba yomile.
Umandlalo kufuneka uguqulwe rhoqo ukuwugcina womile kwaye ungadibenanga. Iintaka zinganceda koku ngokuzibhuqa kulo mandlalo.
Ukuselwa kwamanzi nokulondoloza Kubalulekile xakumayelana nophatha kwe tela yenkukhu. Amafama kufanele ajonge indlela yokusela kweenkukhu kulungiswe nendawo ezivuzayo. Obu buchule kufanele bugadwe xa sele imveliso sele iqalile, ukuze kulungise kwandawo ivuzayo ngokukhawuleza. Kuyafana ke nakwi foggers kunye ne evaporative cooling pads, nokunokuthi kubangele itela emanzi.
Ukuchitheka kwamanzi kwindawo yokusela kufanela kunqadwe, Ukumane kuphakanyiswa indawo zokusela ukuze kubelula ukusela ngokuye zikhula iinkukhu, kufunyaniswe kucutha ubumanzi betela nge 7%. Indawo zokuselela kufanele zicocisiswe ukukhusela ukuchitheka nokuqiniseka ukuba zisebenza kakuhle. iNipple drinkers zifunyenwe ziwachitha kancinici amanzi kwaye azinankcitho ininiz yamanzi kune bell drinkers.
Isondlo sinegalelo kubumanzi betela, kuba ukutya okuthile, okufana ne tyiwa, sodium bicarbonate, molasses, soya, amino acids kunye ne crude protein, xazifakwe kakhulu, zibangela iintaka zisele zikhuphe amanzi amaninzi. Ezinye zezi zingakhokelela kutyatyazo, nolongeza kubumanzi betela ukuya kumaqondo aphezulu le nitrogen. iHeat stress kunye namayeza athile anganegalela elifanayo.
Ukuxinana kwentaka, inani lee ntaka eligcinwe kwi square mitha ngasinye,lizakubane galelo elikhulu kubumanzi betela. Kungabanzima ukugcina ubumanzi betela busezingeni elilungileyo ukuba iinkukhu zininzi. Umthamo womandlalo osetyenzisiweyo nawo uzobanegalelo elinye. Umandlalo owondlalwe kancinci awuzukwazi ukufunxa ubumanzi kanje ngomandlalo otyebileyo. Umthamo womandlalo osetyenzisiweyo uzakuxhomekeka nendawo yemveliso kunye nezinto umandlalo owenziwe ngazo.
Imo ezingqongileyo, ezifana nemo yezulu emanzi okanye efumileyo, umbethe okanye ingqele emandla kungabangela itela emanzi ukuba akungeni moya owoneleyo kwaye nobushushu abunokususa ubumanzi ncakasana. Iingxaki zobumanzi kufuneka zisuswe ngokuqiniseka kukho ubushushu obaneleyo kwisakhiwo kunye namanzi. Umoya nobushushu kufuneka buhlelelwe ngenkathalo ukuze kugcineke amaqondo obushushu ephezulu

Translated by Zizipho Silwana