Ukulumla Imivundla

© Karoline Steenekamp

Abantwana bomvundla bancanca komama bawo ixesha elingange veki ezine (4), nangona ubuninzi nobugqongqo bobisi busehla xa beqala ukutya okuqinileyo. Banga lumlwa kwiveki ezine (4). Kwindawo ezikwinqanaba eliphezulu ezithengisa imivundla, abantwana balunyulwa ngqo kwiveki ezine njengoko abazali bazo kufuneka balale namadoda emivundla, emveni nje kwentsuku ezimbalwa abantwana bezelwe.
Kuxhomekeka kwindlela yokhulisa nokutyisa, kodwa akukhuthazwa ukulumla kwangexesha oluhlobo. Kuba ngcono uphinda omama badityaniswe namadoda noko kwiveki ezimbini okanye ezintathu emveni kokuzala, kwaye kujongwa okukuba umama ukulungele na ukuphinda azale. Abantwana ke balunyulwa kwiveki ezintandathu (6).
Ezaveki zimbini zinikeza abantwana ixesha nomama nokokuba bafunde kumama ibengabantwana abazithembayo. Abantwana abakhawuleze balunyulwa, baye batyiwe ngumvandedwa, kwaye ke oku kokona kubulala imivundla esemincinci kwaye abantwana abanomvandedwa base cicini lokufumana izifo.
Xa kulunyulwa, calula yonke imivundla ngokwesini - uyibhale nge khokhi - apho kukwazeka khona uhlule amabhinqa emadodeni. Amadoda nabafazi abasuka kwizindlu ezimbini okanye ezintathu zingafakwa ngoku kwindlwana zokukhulisa okanye apho zihlaliswe khona de zilinde ukhethelwa ukuzaliswa, ukuthengiswa, okanye ukuxhelwa. Qinisekisa okokuba uzehlula kakuhle ngokwesini ungaphazami. Xa zixutyiwe zilwa kakhulu kuna xa zehluliwe ngokwesini.
Xa kufakwe inkunzi enye kwindlu yamathokazi okanye omama ingaxakeka kakhulu ususela kwinyanga ezine ubudala kwaye abantwana abaninzi bangenzeka, bafike ngokukhawuleza. (Bona imifanekiso ekwahluleni ngokwesini).

Translated by Zikhona Plaatjie