Ukukhongozela Amanzi Emvula Eluphahleniv

© Iz Oztat
Ukukhongozela amanzi emvula (‘rainwater harvesting’) awa kuphahla lwendlu ukuze asetyenziswe phakathi nekhaya okanye egadini; sisenzo esenziwa kwindawo ezininzi zoMzantsi Afrika. Oku kwenziwa kakhulu ezilalini kwaye kuya kusanda nase zidolophini. Oku kuthetha ukuba rhoqo xa kusina, amanzi angakhongozelwa ukuze asetyenziswe ngethuba lembalela. Ukukhongozela amanzi emvula kunciphisa ukuxhomekeka kumanzi eenkonzo zika masipala kunye nakumadama. Kukwanceda nase kongeni amanzi, kunciphise ukhukuliseko nezikhukula ze kunciphisa netyala lamanzi. Ngaphezulu, amanzi emvula acocekile kwaye awazelanga zizibulali zinambuzane neekhemikhali.

Indlela Yokuqokelela Amanzi Emvula?

Amanzi emvula angakhongozelwa kuso nasiphi na isakhiwo esinophahla-indlu, izitali zamahashe njalo njalo. Kudingeka itanki okanye indawo enkulu yokugcina lamanzi. Kukwadingeka nemibhobho azakuhamba kuyo lamanzi ukusuka kuphahla lwendlu ukuya etankini.
Amatanki asenokwenziwa ngamatye abiyelweyo okanye amagqongo amakhulu enziwe ngeplastiki okanye ngenkcenkce. Ukuba uphahla lukhulu kuya kudingeka itanki elikhulu. Eyona mibhobho ilungileyo ngekwaziyo ukumelana nemitha yelanga (UV resistant) efana nemibhobho yohlobo lwe ISI HDPE kunye ne PVC. Iidreyni ekupheleni kwalemibhobho kufuneka zifakelwe ucingo ukuthintela amagqabi angangeni etankini.
Kucetyiswa ukuba kusetyenziswe ubuchule be first flush water diverter. Bona ke bunceda ekuthinteleni amanzi okuqala emvula ukuba angangeni ematankini. Amanzi okuqala asuka kuphahla lwendlu asenokugxobheka yirusi, uthuli, itela yeentaka kunye neekhemikhali. Umgangatho wamanzi uba ngcono ukuba amanzi okuqala awangeni etankini. Obu buchule bunceda nasekucutheni ubumdaka bemibhobho ze bunciphise nobumdaka obunokuthi bupakishane etankini. Ngoko mkhomba ndlela othe gabalala, kucetyiswa ukuba obu buchule bokukhuphela ecaleni amanzi okuqala buchithe malunga nelitha ezingama 40 zamanzi kwi 100 m² nganye ekukhongozelwe kuyo. Kwiindawo ezinothulu okanye ezinongcoliseko lomya, kungadingeka ukuba kuchithelwe ngaphandle amanz athande ukuthi xhaxe kunoku.

Maintenance of Rainwater Harvesting Structures

©JoJo Tanks
Imibhobho ehamba amanzi okanye iigutters kunye nophahla kufuneka zihlale zijongwa kwaye zigcinwe zicocekile. Kufanele kususwe kwathuli,amagqabi, iitela zeentaka,izilwanyana ezifileyo, izinambuzane kunye neekhemikhali. Ukuba uphahla kunye nemibhobho icocekile, namanzi aza kucoceka.
Coca zonke izihluzo ezifakelwe kwimibhobho okanye kumlomo we tanki. Hlola itanki lakho ukuba alinazijwexe na, noba kusemva kweminyaka emibini okanye emithathu. Ungazicoca ngokuthi uzifunxe zonke ziphume okanye ukhuphe onke amanzi akwitanki lakho. Ubumdaka obungaphakathi etankini bubonisa ukuba uphahla kunye nemibhobho ingcolile.

Translated by Zizipho Silwana