Ukukhetha Uhlobo lwe Hagu

©Glenneis Kriel
Black skinned breeds are less vulnerable to sunburn than improved breeds.
Xa uqala ifama yeehagu, kufuneka ukhethe uhlobo oluzakulungela izakhono zakho. Ngokwencwadi ethi Pigs for Profit ebhalwe ngu Drs Jim Robinson kunye no May-Louise Penrith iintlobo zeehagu zingahlulwa ngokwamaqela amabini nangawona axhapakileyo. Ezintlobo ze hagu zingabizwa nge unimproved kunye ne improved.
Ihagu zohlobo lwe unimproved zivamise ukuba ziihagu zalapha eMzantsi Afrika, ezifana ne Kolbroek okanye iSA Landrace, zikulungele free range kunye ne nemveliso zobuchule be extensive production systems. Logama ke zona iihagu zohlobo lwe improved, izihagu ezisandula kufika ezifana ne Large White okanye iDuroc. Ezintlobo zehagu zisetyenziswa kakhulu kwi intensive commercial production systems.
Kungcono ukhethe uhlobo lwe unimproved, ukuba usaqala kwaye unolwazi oluncinci mayelana neehagu, ukuba awunakho ukwenza iindawo zokuhlala iihagu ezisemgangathweni, okanye uzinike ukutye okudingwa zihagu zohlobo lwe modern. Kwaye ungasebenzisa oluhlobo ukuba abathengi bakho bathanda okanye bakholwa yilentlobo yehagu.
Okunye kukuba awuzukunyanzeleka ukuba uhambise zonke iihagu ukuba ufuna ukwenyukela kumgangatho wolawulo ophezulu. Ungasuke nje usebenzise imodern boar okanye iartificial insemination kwii sows zakho ukuze uphucule imveliso yeehagu zakho.

Iintlobo eziUnimproved

Ezi hagu zivamise ukuba nesikhumba esimnyama kunye noboya obude obumnyama okanye obunamabala. Uboya kunye nezikhumba zazo buzikhusela ekutshisweni lilanga. Zomelele kwaye ziyakwazi ukumelana namaqondo obushushu ohlukeneyo. Azingenwa lula zizihulo kwaye zidinga ulawulo oluncinci, oku ke kwenza ukuba zikulungele ukuyekwa zilungele I free range okanye zikhuliselwe ezilalini. Ezi hagu azidingi manzi nakutya kungako, kodwa ke zikhula ngcono xa uzondla ngokwaneleyo kwaye uzikhathalele.
Nangona ezi hagu zivamise ukukwazi ukukhathalela amantshontsho azo, iimazi zizala amantshontsho ambalwa. Amantshontsho abamahlanu ukuya kwisibhozo kuphela, kodwa ke angabamanintsi kunoku ukuba zondleka ngokwaneleyo. Enye into kukuba ezi hagu zibancinane okanye zibephakathana ngokomlinganiselo, kwaye zibanamanqatha amaninzi.
Ngoko ke kubalulekile ukuba uqale ufumane abathengi abanomdla wokuyithenga lentlobo yenyama, ngaphambi kokuba uqalise ukufuya iihagu eziloluhlobo.

Iintlobo ezi Improved

©National Pork Board and the Pork Checkoff. Des Moines, IA USA.
Ezi hagu zivamise ukuba nkulu, kwaye zinesikhumba esimhlophe kunye noboya obumhlophe obugqagqeneyo. Isikhumba kunye noboya bazo benza kubelula ukuba zitshiswe lilanga. Ziyakhawuleza ukugqatswa lilanga ingakumbi xa amaqondo obushushu ephezulu kakhulu. Imizimba yazo ayikwazi ukulwa izigulo kanje ngohlobo lwe unimproved, kwaye zidinga ukukhathelelwa kanobom, ukutya okusemgangathweni kunye namanzi aneleyo ukuze zikwazi ukubasempilweni zikhule nangendlela.
Kodwa ke okuhle ngezi hagu kukuba iimazi zazo zizala amantshontsho alishumi nangaphezulu ngexesha. Maxa wambi ke iimazi ziye zidinge uncedo ekukhuliseni amantshontsho azo. Zibanamanqatha amancinci enyameni yazo xa zithelekiswa nohlobo lwe unimproved breeds.