Ukukhetha iiNkunzi Ezilungele Imveliso Yobisi

©Chris Daly
Ukuvelisa ubisi kuqala ekuzaleni. Ukumithisa iinkomo yeyonanto ibalulekileyo kulawulo lwefama yobisi. Zimbini izinto ezinokwenzeka xa iinkomo zimitha : kuqala kukuqala kwexesha lokuncancisa, okwesibini, ukuseka ufuzo lwenzala.
Ukukhulisa izilwanyana efama kukunyusa uhlobo lomhlambi okanye izimilo ezithile ezifana nokunyusa imveliso yobisi. Unyuso lofuzo lwenzeka xa kukhethwe abazali abalungileyo. Njengoko iinkomo zisenza imihlambi, kulandela okokuba iinkunzi ezimithise ezinye iinkomo zizo ezichasa uhlobo lomhlambi.
Ukukhetha kubalulekile utata unendawo ayidlalayo kufuzo kumhlambi wenkomo zobisi. imveliso ngokwenziwa ziintombi zootata ezikhethwe namhlanje zibonwa kwiminyaka emine elandelayo. Umhlambi okhoyo wobisi uquka iinkomo ezizelwe iminyaka emithathu ukuya kwisibhozo.
Injongo yoku khulisa kumhlambi wobisi kufuneka uzame ukwenza ngcono izimilo zezonkomo zizelweyo. Njengoko umhlambi wenkomo uvelisa ubisi, kuyavakala ukukhetha iinkunzi njengoko zinomlinganiselo ophezulu wofuzo kwandisa ubisi njengoko oko kunyusa namathuba okhulisa iintombi ezizalayo kakhulu. Kodwa ke ukukhetha inkunzi, ngenxa yokuba ufuna imveliso yobisi eninzi ngenxa yayo akucetyiswa njengoko zikhona ezinye izinto ezichaphazela ezorhwebo zenkomo ezifana nezi :
Iinkomo ezivelisa ubisi oluninzi kukutya okukhoyo.
Ubisi kufuneka lube namafutha ne protein ephezulu.
Iinkomo kufuneka zivelise ixesha elide.

Inkunzi ne Artificial Insemination

©Chris Daly
Iinkomo zobisi ezithengiswayo sisebenzisa I artificial insemination (AI) ukumithisa iinkomo, kodwa ke indlela yendalo ingasetyenziswa.
Iinkunzi ezimithisayo kufuneka zithengwe kubavelisi abathembekeleyo aba thatha inxaxheba kwi ‘nation milk recording scheme’. Eliqela linikeza ngoqikelelo lwexabiso lokuzala (EBV’s) kwizi lwanyane zonke kumhlambi. Ukukhulisa kuchaza ufuzo lwezilwanyane.
Ulwazi olufanayo lukhona lwe nkunzi ezizelwe kumhlambi. Ungaze uthenge iinkunzi ezingena lwazi ngemvelaphi yazo. Ixabiso lokutyisa inkunzi liphakathi kwe R30/ngosuku (2018). Oku akuquki ixabiso lenkunzi nomsebenzi. Xa inkunzi isetyenziswa kwinkomo ezilishumi ngonyaka, ixabiso lokumithisa lingaba ku R500 ngomsebenzi ngamnye.
Isemen ye AI ingathengwa kwivenkile ekufuphi okanye kwinkampani ezise mazweni ezenza i- AI. Iincwadi ngenkunzi ziyi miqulu, zinolwazi oluninzi ngemvelaphi yenkomo nganye kunye nolwazi ngo fuzo ngenjongo yokuvelisa ubusi nendlela ezakukhula ngayo emzimbeni inkunzi nganye. Isixa se semen esinye siyasetyenziswa xa kumithiswa, kodwa Phakathi kwezi mbini ne sine zigadingeka ukuze inkomo ide imithe. Konke oku kuxhomekeka kulwazi nendlela lowo uyifakayo enza ngayo. Ixabiso lomqulu liphakathi ukusuka ku R60 ukuya ku R275 (2017).

Uyikhetha Kanjani iNkunzi

Xa ukhetha utata, okokuqala, funa uluhlu lwazo zonke iinkunzi ezifumanekayo kwinkampani ye semen okanye lowo uyithengisayo. Kwinkunzi ezimbalwa onoku khetha kuzo, kuba nzima ukukhetha utata, lilonke ke uluhlu kufuneka lubene nkunzi ezingama 20. Olu luhlu kufuneka luquke ixabiso lomqulu we semen. Iinwadi zee nkunzi ekuqaleni ezibhalwa ‘net merit’ le net merit idibanisa iintlobo eziyi 12 kwixabiso elinye.
Iinkampai ezithile ze semen zinikeza iinkonzo kumafama apho iinkomo zama fama zihlelwa ngoku kumila kwazo, ze kwenziwe indlela yokuzalisa. Ulwazi ngeenkomo luyafakwa kuhlelo lwekhompuyutha elithi lichaze iinkunzi ezithile ngokwe zimilo zazo ezidingekayo kwifama yobisi. Iye icebise nange nkunzi ezithile, kwi nkomo ezithile. Lamahlelo asebenzisa ukulungisa ngokudibanisa ukuze kwande amathuba okufana komzimba logama kwangelixesha kusandiswa ubisi nemveliso yalo.
Oku kungadityaniswa i EBV’s ngamafutha ne protein isebenzisa amaxabiso obisi njengemithetho yamafutha ne rotein. Amaphepha asekuqaleni angogezwa aquke imveliso yobisi, inzala, ubomi boku velisa, okanye ukufana komzimba njengo bume bawo. Jonga oluhlelo lwenkunzi ukususela phezulu ukuhla. Ngokweliphepha lokuqala, iinkunzi ezintlanu ziyakusetyenziswa kumhlambi.

Translated by Zikhona Plaatjie