Ukukhathalelwa Komhlaba

© Louise Brodie

Njengoko ke uluntu olusemhlabeni sele lingapha kwamanani akwaziyo ukuba abese mhlabeni ngokwezidingo zomntu, kubalulekile okokuba kukhuselwe okuninzi okuhlaziyekayo, okugcinekayo emhlabeni. Ezona zinto zintathu zibaluleke kakhulu ngamanzi, umoya kunye nomhlaba.

Umhlaba nguwo othi uhluze elizweni ukuze ubomi bethu buxhaseke emhlabeni esiphila kuwo. Umhlaba uhluza amanzi wethu acoceke kwaye ukuqhubana nezenzo zobomi ujike konke oko kube zi nutrients ezifuneka ebomini ukuze ubani aphile kweli ubomi obude.

Umhlaba nguwo ogcina izityalo, kungako ke usenza isiseko semifuno kwaye uthi uhluze icarbon dioxide ngaphandle ze ukhuphe umoya we oxygen, ngalondlela kukwenza umoya ococekileyo, thina nako konke okuphilayo esithi siwuphefumle. Njengomhlaba noko komhlaba kuthi kuhlaziyeke kuhlala kutshatyalaliswa, kubaluleke kakhulu okokuba siwulondoloze umhlaba, siwukhusele ze sihlale ziwukhathalele maxa onke umhlaba wethu.

Ukuze kondleke amanani oluntu onyukayo, nokuba kuqhubekwa kulinywa ngendlela engenisa imali, amafama alindeleke okokuba aqhubeke ngokuvelisa ukuze ahlale esebenza. Ngaphandle kwamanzi anikeza ngobomi, kubalulekile okokuba imihlaba ikwazi ukujongana nemfuneko zemveliso ehlala inyuka rhoqo. Ukuhlala kuhlolwa umhlaba,noku vavanywa, ukuqinisekisa okokuba inutrients ezaneleyo ziyafumaneka ukuze kukhule izityalo kubalulekile.

Xa isivuno sisininzi entsimini njengoko amafama kuneka abenemveliso ephezulu, kukhona izityalo zidinga ukutya kwazo. Iindawo ebezingalunganga kwezolimo kufuneka imihlaba yazo ilungiswe ngokuthi kongezwe inutrients kunye noko kunga ngxengwanga ukuze kusebenze oko kulwa neenkumbi.

Apho mihlaba uthe waphazamiseka khona, londawo kufuneka ikhusele umhlaba wayo otyebileyo ungatshabalali, lo uncedisana nokukhula, ngokuthi wogqume umhlaba ngokucheba kakuhle okanye ukutyala izityalo ezizakogquma zikhusele isivuno. Umhlaba usiseko apho zonke ezendalo ezisempilweni zithi zokhelwe kuso, okanye zikhulele khona.

Translated by Zikhona Plaatjie

uMgquba kunye noMhlaba

Umgquba otyebileyo nogubeke kakuhle ngoyena uwulungeleyo umhlaba. Wongeza izichumiso kunye nezinongo ezidingekayo kwizityalo eziza kutyalwa...more

Ingcaciso Ngemixube Yezichumiso

Izichumiso zisenoba kanti zenziwe ngezinto zenadalo ezazikade ziphila ngaphambili, okanye ngezinongo zee khemikhali. Ezi ke zigalelwa emhlab...more

Umhlaba Osempilweni Ngolimo Olulondoloza Indalo

Ukukhula kolwazi mayelana nokubaluleka komhlaba osempilweni kukhokelel ekukhuleni kwenani lamafama alima ngendlela enenkathalo yokulondoloza...more

Ungawuphucula Njani Umgangatho Womhlaba

Umgangatho nobume bomhlaba buxhomekeka kumxube wesanti, iintsalela zamatye kunye nezomongwe. Imihlaba eyisanti inamahlalutye amakhulu, irhab...more

iiMicroorganisms eMhlabeni

iiMicroorganism - intsholongwane, ukungunda kunye ne protozoa - ezise mhlabeni zidlala indima enkulu kwindlela isityalo esikhula ngayo....more

iMulch - Ukukhathalelwa Komhlaba

Ukusetyenziswa kwe mulch kwi gadi okanye kwi fama kungaba ngumvuzo omkhulu kwimpilo yomhlaba nje jikelele kunye nezityalo. Imihlaba ene mul...more

Izichumiso Zendalo neze Khemikhali, Imigquba kunye ne Manyolo

Izichumiso zendalo (Organic fertilizers) zenziwe ngezinto ezibolileyo, nezisuka kwi organism ebezikade ziphila ngaphambili. Ezi zinto ke kwe...more

i-Organic Matter eMhlabeni

I-organic matter iya qhekeka ngokuhamba kwexesha, ize inike amandla adingwa zii microorganism, neziye zijike zibe zizinongo ezidingwa zizity...more

iMpilo yoMhlaba kunye neMpilo yeSityalo

Kukho ubudlelwane obuhambelana ngqo phakathi kwempilo yomhlaba kunye nempilo yesityalo, kucacisa u-Alan Rosenberg kwincwadi yakhe ethi Glob...more

Ukuthatha Iisampuli Zomhlaba

Ukuthatha iisampuli zomhlaba okuzakulinywa kuwo, ze uhlolwe lelona nyathelo lokuqala libalulekileyo kulo naliphi na ishishino lezolimo. Oku ...more

Ukubaluleka koMgangatho woMhlaba

Umgangatho womhlaba unegalelo ekuchumeni komhlaba, kwindlela oqina nothamba ngayo okanye okwazeka ngayo ukusebenzeka. Oku kukwaquka nokubalu...more

Ukuvunguza Umhlaba, Ukuhlakula Kunye ne Harrowing

Igama elithi tillage libhekisele kumhlaba ozakulinywa. Oku kuquka ukuhlakula, harrowing okanye tilling. Zonke ke ezi zingenziwa ngezandla (n...more