Ukufuya Imivundla Okuxhasekayo

© Karoline Steenekamp

Kwimizi emininzi eMzantsi Afrika, kuye kubanzima ukuphekela usapho isidlo esiphezulu kwi zakhamzimba iProtein, leyo ke yona ibalulekileyo eku khuleni nasempilweni. Phambi kokuba usapho okanye abahlali bakhangele imivundla njengo kutya, zininzi izinto ekufuneka zenziwe.

Igadi yemifuno iyafuneka. Kubaluleki okokuba igadi yemifuno yenziwe kwaye ivelise imifuno emihle emitsha ukufezekisa izidingo zosapho unyaka wonke.

Amanzi amatsha ahlale ekhona.

Indlu ekhusela imivundla kwisimo sezulu, ne zirhalarhume ebonakalisa indawo eyoneleyo kumvundla nganye.

Umntu onokukhuthaza, afundise amafama ukuqinisekisa impumelelo kwaye ukunqanda ubungozi bokunga phathi kakuhle imivundla ngenxa yokuswela ulwazi.

Kutheni Kufuneka Fuywe Imivundla?

Izizathu zokuvelisa imivundla zibandakanya ezi zilandelayo:

Okokuqala imivundla ikhula ngokukhawuleza, kwaye xa inenyanga ezintlanu (5) ukuyoma kwezisibhozo (8) ingakwazi ukudibana nendoda engomnye umvundla kuxhomekeke kwi hlobo. Zikhona ke intlobo ezikwaziyo ukuvelisa amantshontsho kodwa angaphezu kweshumi (10) anqabile. Ayakwazi ke ukukhulisa isihlanu uyokuma kwisibhozo endaweni yesine nesithandathu se litters ngonyaka kwiminyaka emithathu ukuyokuma kwemihlanu – kuxhomekeke ekuphathweni kwazo.

Okwesibini, imivundla idinga indawo encinci xa kuqathaniswa nezinye izilwanyana ezivelisa inyama, isesona silwanyana sivelisa inyama kwizilwanyana ezise fama. Ziyakwazi ke ukujika iroughage ibeyi protein yezilwanyana kwaye zivelisa I 2.72 ye kilo yenyam. Namanzi inkomo ekufanele iwavelise kwi 450 gm yenyama. Iikhilo zayo zingaphantsi kwezo zegusha okanye inkomo.

Imivundla akufunekanga ayikhuphisani ngokutya kwabantu kwaye iyakwazi ukusebenzisa ikhitshi, igadi kunye nekhula nangona ezizinto zingakhuthazwa njengokutya okumiselwe zona!

Imveliso Zemivundla

Imivundla ke ivelisa iintlobo zemveliso ezityiwayo okanye ezithengiswayo, zonke ke zingenza umeluko xa sele zisenziwa. Imveliso ezongeziweyo ziqala eboyeni, obenziwa ngezandla okanye buqokelelwe buthunyelwe kumenzi ozokuvelisa udidi oluphezulu ngokwexabiso.
Izikhumba ezisetyenziswa kezefashoni kufuneka zijikwe zibeyi leather. Izinto zokudlala, ingubo, izihlangu zakusasa, njalo njalo zingenziwa ngezandla. Isibindi somvundla singenziwa sibekwididi eliphezulu lesibindi. Imanyo ingabuyela kwigadi yemifuno okanye yomiswe ipakishwe, ithengiswe.
Kuxhomekeke kwihlobo lomvundla neminyaka xa zixhelwa, umvundla ofileyo ungane 50% ukuya kwi 60% yobunzima bayo uphila, apho ke i78% ne 87% iyatyeka.
Okokugqibela, inyama yovundla imnandi, isempilweni kwaye inencasa. Inezinga eliphezulu le Sakha mzimba iprotein kuzo zonke izilwanyana zase fama. Inyama yomvundla ino 21.8% we protein etyekayo, maxa inkukhu ino 20% we protein, igusha ino 15.7%.
Ukongeza, inezinga elisezantsi letyuwa namafutha, ityebile ke kwi zakhamzimba ezizi minerals, inyama yomvundla ilungele abantu abafuna ukuhla esiqwini nabantu abazilolongayo.

Translated by Zikhona Plaatjie