Ukucoca Iindlwane Zemivundla

© Karoline Steenekamp

Izindlu zemivundla ezaziwa ngokuba zi Hutches kulula ukuzinakekela nokuzicoca. Kungcono ukuzibe ka ngocwangca ngemigca, nganye okanye ngambini. Amacango endlwane kumele abemakhulu ngokwaneleyo ukuze umvundla uphume lula kwaye ukuqinisekisa okokuba zingacoceka lula.
Xa zime nganye, umnyango ungaba ngaphezulu okanye ngaphambili kwendlwana. Kodwa ke, kwindlwane ezalekeneyo, umnyango kufuneka ubengaphambili. Amacango kufuneka aqine ukuqinisekisa okokuba imivundla ayiphumi kwindlwane. Xa indlwane zibekwe ngomgca, khumbula ke ukwenza indawo yokuhamba phakathi kwazo, kwaye ibenkulu kakhulu okokuba kukwazeke ukusebenza kakuhle.
Kufuneka ikiliva ikwazi ukuhamba ngaphakathi kwendlwane. Umgquba ke ubaluleke kakhulu ekufuyeni imivundla. Umgquba kunye nomondlalo kuba zombini zibalulekile okokuba ityebise umhlaba wokulima kwi gadi yezityalo. (Bona indawo,‘umgquba’ ukufunda ngakumbi.)
Apho kukho iplanga phantsi funeka kubekho umondlalo, ongabayiyo impuphu, nokuba yingca okanye ingca eyomileyo. Indlwana ezolekeneyo ezenziwe ngecingo kufuneka zibenomgquba apha ekohlukaneni kwendlwana. Ingasisithebe esiqinileyo seyi metali okanye plastiki eqinileyo ixhonywe apha kule ingaphezulu indlwana njengoko zolekelene.
Apha phantsi kwi ndlwana kufuneka kubelula ukuyicoca. Xa kukho Isanti phantsi, kufuneka itshayelwe mihla le, apho kukho khona ikonkrete phantsi kungabikho umncwe we mpuphu okanye Isanti enokusuka ifakwe emgqubeni.
Akukho sidingo sokuyikhupha imivundla xa ubani ecoca indlwana zayo, njengoko ingena chuku lamntu ophatha phatha indlwane zazo. Ngaphandle ke kwemeko zokubasa kwindlwane xa umvundla ubuthe wagula, phantsi kwale meko ke ubani angathi awususe umvundla.

Translated by Zikhona Plaatjie