Ukuchuma kwe Ntsimi yoMdiliya

© Marinda Louw

Ukuchuma kwentsimi yomdiliya kuxhomekeka kwimbewu esetyenzisiweyo. Imbewu ibonwa njengechumileyo kanye xa iqala ukudubula kwaye ibenehlahla lentyatyambo elinye okanye ngaphezulu. Ezi zihlahlana kusube sezakhekile ngaphakathi kwiintyatyambo kwii nyanga ezingama 15 phambi kwesivuno salonyaka umiyo, Okhtobha ukuya ku Januwari. Ukuba imeko ziyavuma.

Iimeko ezivumayo ziquka izinongo ezaneleyo, ilanga elibetha ngqo, amaqondo obushushu angaphaya kwama 20°C namaqondo obushushu bomhlaba angaphezulu kwe 10°C. Nangona imbewu isenokutyeba kakhulu, oku akuthethi nto ukuba ayide idubule.

Okona kudubula kwembewu kulungileyo kufunyanwa ngokuthenwa kodwa maxa wambi kuyanyanzeleka ukuba kusetyenziswe iikhemikhalo ezinceda kukhawuleze ukudubula kwembewu.

Translated by Zizipho Silwana