Ukubukela Iintaka zase-Mapungubwe

Indawo Yokufihla Iintaka zase-Maloutswa

©Jacques Marais

Ithuba lokubukela iintaka zase-Mapubungwe alipheli. Ipaki ingase mgaqweni wendlela kwaye inani lendidi zentaka lumane lusithi gqi. Kuqikelelwa ukuba lengingqi inentlobo zentaka ezinga makhulu amane (400). Indawo yokufihla iintaka zase-Maloutswa yakhiwe kumda obanzi womlambo okwintshona yepaki.

Ifumaneka kwindawo emthebelele, emithini yomlambo kwindawo enameva, lento yahlukile kwintaba i-Mapungubwe enamatye nefanele ezolimo. Umhlaba ecaleni kwe-Maloutswa uye wamosheka kakhulu, kodwa inkqubo yendalo ehlaziya umhlaba wasemasimini ibekiwe. Lendawo yokufihla iintaka zase-Maloutswa, ilungele ezomdlalo kunye nokubukela iintaka. Isecaleni kwehlathi elibizwa i-Limpopo Forest Tented Camp.

Translated by Aviwe Damane