Ukohlulana kwama Pedi ngokwe Sini

Ubungangamsha ba Madoda ama Pedi

©Dr Peter Magubane

Inkcubeko yesintu sama Pedi, iye yenza umahluko phakathi koluntu ngokwesini kumanqanaba onke. Oku ke kwachaphazela zonke iinkalo zobomi babo, ukususela kumaqhuma nasekubopheni iimpahla amadoda esebenzisa amaqhina esifula abafazi, amaqhina oomakhulu- ulwaluko, ubume bosapho okanye indawo yokuhlala, nokwahlulwa komsebenzi.

Abafazi babezenza umsebenzi wezo limo, ze umsebenzi wamadoda namakhwenkwe ibeku sebenza ngeenkomo. Ukubaluleka kwamadoda kwakugxininiswa mihla le: umzekelo xa kutyiwayo amadoda nabafana abolukileyo babehlala kunye kwaye babenikezwa ukutya kuqala, abafazi batye nabantwana. Ngoko mthetho abafazi babebonakala nje ngabantwana, kwaye amaxesha amaninzi basabonwa ngelo liso, kwaye kusafuneka babephantsi kokugadwa ngumntu oyindoda.

Xa abafazi betshata bathabatha indawo yabayeni babo. Yiyo lonto umfazi ozalwe engenguye owasebukhosini wayebonakala elungele umtshato kwaye efumana inqanaba lokujongelwa phezulu kunoo dadewabo abadala, Bekufuneka ibengoo dadewabo abamenzela izinto, kodwa ke wayengasokuze abengaphezulu komnakwabo.

Ilifa kunye nalowo uthatha indawo zabekwa kumngca wobudoda, kwaye abafazi babehlala kwizindlu zabayeni babo. Kuse njalo ke maxa wambi nakule mihla sihlala kuyo, iintsapho ezininzi ziye zikhethe ukuvumela iintombi zazo kunoonyana okokuba zifumane amasimi njenge lifa kunye neziza zokwakha kuba iintombi- ingakumbi ezo zingenazo izinyanzeliso zomtshato- kubonakala okokuba zingakwazi ukunakekela abazali ngcono kunoonyana.

Isintu senkcubeko yama Pedi sasingqongqo kakhulu kunamanye amaqela anamadoda amaninzi ngokohlula phakathi kwesini, bebeka iimpawu ezingaphucukanga nesimilo esingathandekiyo kubantu abango mama. Indlela nje yofuzo ngokwenza okungcolileyo ngokuthanda- ubugwirha ‘base busuku’ babu soyanyaniswa nabantu abangomama, kwaye babusuka kumama buye kwintombi. Ubugqwirha ‘base mini’, babufundwa, kwaye nabani enako ubufunda, ndoda okanye mfazi, kwaye kusetyenziswa ngamaxesha athile ukonzakalisa umntu.

Translated by Zikhona Plaatjie