Ukhula Kwintsimi Yediliya

© Louise Brodie

Ukhula lubekwa ngamaqela afana ne broadleaf, grasses, perennial or annual. Kwiintsimi ezikumhlaba owomileyo, kubakho ukhula olukhula ebusika kunye nase ntwasahlobo. Kwindawo ezinkcenkceshelwayo kuvamise ukuba yingca okanye iingcongolo.

Umvelisi kufanele ayazi indlela intlobo ezahlukeneyo zokhula ezikhula ngayo; umzekelo ayazi ukuba yi perennial or annual grass kuba ukhula luyohluka kwindlela ezimelana nayo nesibulala khula. Izibulala khula ezisetyenziswa kwingca kunye nakwi broadleaf weeds nazo ziyohluka.

Ukuqhubeka nokusebenzisa izibulali khula zengca kungakhokelela ekwandeni kokhula oluna magqabi amakhulu. Ixesha lokuhlela libaluleke kakhulu ukuze izibulali khula zisebenze kakuhle. Ukungasetyenziswa ngendlela kungonakalisa imithana emincinci yediliya. Ulawulo rhoqo phambi kokuba isityalo siqale ukuntshula kunganciphisa ukhula kakhulu.

Kwelinye icala, ukususa ukhula kungabangela ukuba umhlaba uvele elangeni; kukhokelele ekubeni amanzi atshe msinya kukhukuliseke nomhlaba. Kwintsimi yediliya elinywe emqengqelezini, izitshizi kunye nezichumiso zingaqengqeleka zonakalise imithombo yamanzi. Ukubanenkani kokhula kwizitshizi zeekhemikhali yingxaki enkulu.

Ngoko ke kubalulekile ukutshintshela kwindlela zokulawula ukhula ezixubeneyo. Ezi ziquka ngemitshini, ngabantu, ngekhemikhali. Imfihlelo yokusebenzisa iindlela ezininzi zokulwa nokhula kukudibanisa indlela ezahlukeneyo ukuze ukhula lungabinenkani.

Enye indlela yokulawula ukkhula kukuluyeka ukhula lukhule kangangoko ukuze kungabikho khuphisano phakathi kwezinye iindidi zokhula. Okanye kutyalwe izityalo zokukhusela phakathi kwezityalo zediliya okanye kwemithi yeziqhamo.

Ukuthintela ukuba kwakheke imbewu yokhula, ioats ingatyalwa njengesityalo sokukhusela. Kungenziwa ingca eyomileyo ngolukhula. Kukwafumaniseke ukuba ukukhusela indidi ezithile zezityalo zokusitha kungalawula ukukhula kokhula.

Translated by Zizipho Silwana