Uhlulwa Ngokwe Sini Phakathi Kwama Ndebele

© Dr Peter Magubane

Kwiinkolelo eziqinisekisa okokuba amadoda ngawo alawulayo kunye nezenzo ezibonakalisa oko, kusabonakala kwindawo zokuhlala zama Ndebele. Ngaphezu kweentlanga ezininzi amadoda amaNdzundza — ingakumbi awasebukhosini — asaqhubeka ukuthabatha abafazi abaninzi.

Amandla negunya labantu abangotata abasacinga okokuba amadoda ngawo alawulayo kuphela, kungabuyiselwa umva kwixesha abantu babehlala njengonoo ntente kwiifama zabantu abamhlophe. Isidingo sokuba usapho lusebenza efama, sasichazwa ngulowo unyindoda ophetheyo, oko ke kwakumenza azive ephethe ngenene.

Ekusukeni kumafama abantu abamhlophe, amadoda amaninzi aqala amashishini wabo njengo nootaxi okanye abakhi bezindlu, endaweni yokusebenza emayini okanye kwifama njengaba melwane babo abangama Pedi ababesenza njalo iminyaka emininzi. Abafazi bakwa Ndebele babesebenza iminyaka emininzi emakhitshini ePitoli ze babuyele ekhayeni bakhe ikhaya zebakhathalele nabantwana, logama befumana inkxaso yabayeni nangemali.

Babesenza bathengise umsebenzi wezinto ezenziwe ngeentsimbi, iimethi, onodoli kunye neminye imisebenzi yezandla yenze abafazi bama Ndebele bakwazi ukuzimela nokuziphilela-abo babesele benodumo kumazwe jikele abafana no Esther Mahlangu, kunye nabo ke babe namaphupha aqhelekileyo.

Translated by Zikhona Plaatjie