Ufuyo lwe Alpaca eMzantsi Afrika

© Marinda Louw

Ngomnyaka ka 2000, ukusuka kwimimandla enentaba eziphakamileyo ze Andes kwilizwe lase Chile, inani elingama 60 le alpaca lafuduselwa kwilizwe loMzantsi Afrika. Ezi zilwanyana zifana nenkamela zaba sisisekelo sokuqala somhlambi we alpaca eMzantsi Afrika. Ekuhambeni kwexesha eli nani laye lisandiswa ngokuthi kumane kuziswa ezinye ii-alpaca ezisuka kumazwe afana ne Chile, Peru kunye nase Australia. Oku kwakhokelela ekubeni ushishino lwe alpaca lwande eMzantsi Afrika. Ngomnyaka ka 2019 isibalo sezi zilwanyala belihleli kwinani eliqikelelwa kuma 10 000. Ezinye zezi zilwanyana azibhaliswanga. 

Ii-alpaca zizilwanyana ezibhalisiweyo ngoku kwilizwe loMzantsi Afrika. Abafuyi kunye nabaninizo baxhaswa ngumbutho obizwa nge South African Alpaca Breeders Society. Lo mbutho wasekwa ngomnyaka ka 2001. Ii-alpaca ezise Mzantsi Afrika zifuyelwa uboya bazo, njengemfuyo, zikwathengiswa nanjenge zilwanyana. Zikwafuyelwa nobuchule bazo bokugada imihlambi yeegusha. 

Ezi articles zilandelayo zinika inkcukacha nolwazi mayelana nokufuywa kwe alpaca eMzantsi Afrika, kwakunye nezinye iinkcukacha mayelana nokwenziwa kunye nemisebenzi yoboya be alpaca.

Translated by Zizipho Silwana

Uboya Be Alpaca

Ii-alpaca zizilwanyana ezibukufana nezekhaya, kwaye ziphantsi kosapho lwee nkamela zase Mzantsi Melika. Sisigidi seminyaka zisetyenziselwa u...more

Imveliso ye Alpaca

Ukufuywa kwe alpaca eMzantsi Afrika kuselushishino olusakhasayo. Kwaqala ekuqaleni kweminyaka yoo 2000, ngethuba izilwanyana ezingama 60 zaz...more

Indlela Yokufuya I-Alpaca

Ii-alpacas zizilwanyana ezi semi-ruminant (izilwanyana ezinezisu ezingaphaya kwesibini), nezingamelana nemozulu ezine ngqele ebanda kakhulu....more