Ucoceko Olulungileyo Kulawulo Lweezifo Zenkukhu

© Chris Daly
Ukuhlanganiswa kococeko olusemgangathweni, ukuphilisa kunye nokukhutshwa kwegciwane, kusebenza kakhulu ekususeni izinto ezibangelwa izifo kwimveliso yeenkukhu. Lonto iquka ukususa uthuli, umhlaba kunye nezinto eziphilayo ezifana nezinto eziwiswe phantsi, igazi kunye netuwa, ezingabayingozi kakhulu. Abavelisi kufuneka bacinge “ngococeko olulula” xa beceba okanye besenza indawo yabo yemveliso okanye xa bekhetha izixhobo zokusebenza.

Ukutya Okucocekileyo kunye Namanzi

Iinkukhu kufuneka ukuba zikwazi ukufumana amanzi acocekileyo kunye no kutya. Izitya ezivuliweyo kufuneka zicocwe kanye ngemini, kuba iintaka zingazinyathela, ziziwise kude kube mdaka nento engaphakathi. Amanzi achithekileyo angamanzisa nenkunkuma yeenkukhu (ukudibanisa indawo yokulala kwenkukhu kunye nomgquba wenkukhu) kungenza izifo okanye ezinye iingxaki.

Indlela yengxube zokusela zicoceka lula kwaye azisebenzisi manzi amaninzi, njenge zitya ezivulekileyo. Abondli banamhlanje kunye nezinto zokusela ziyakwazi ukuzicoca. Umvelisi, noba sekutheni, kufuneka akwazi ukuzigada ezindlela kwaye anqande xa ingxaki ivela.

Amanzi amoshakeleyo kufuneka alahlwe ngendlela engazukufaka ingozi yezifo.

Ulawulo Lomgangatho

©Chris Daly

Iintaka ezikhululekileyo nazo ziyazidinga indawo zokuhlala, ezicocekileyo ukunqanda ukwakheka kwezifo. Abavelisi abane ndawo encinane kufuneka bacinge ngofaka isamente phantsi, kuba kulula ukucoca isamente nakuno mhlaba.

Okanye, ukuba abavelisi bayakwazi ukufikelela emadlelweni okanye kwiigadi zemifino, iintaka zingagcinwa kwiihoki zokuhlala iinkukhu, ezaziwa njengezithuthi zeenkukhu. Ngolu hlobo lwemveliso, iintaka zigcinwa kwihoki enye, endaweni enye kangange thuba leeveki ezimbalwa, lonto ixhomekeke kwinani leenkukhu, phambi kokuba zisiwe kwenye indawo futhi. Isithuthi seenkukhu simane sithatha ixesha elide phambi kokuba libuyele kwindawo enye, lonto inceda ekulweni izifo.

Indawo Yokulala

©Chris Daly

Indlela ezininzi zokulala zingasetyenziswa ekugcineni iintaka zishushu ngenxa yokubanda komphantsi wendawo, ukususa uxhumano lwazo netuwa, ukukhusela iinyawo zazo nokuzigcina zomile. Nokuba yintoni na into esetyenzisiweyo ukukhwa, kufuneka yome msinyane, kuba iinkunkuma emanzi yenza izilonda emabeleni, ukutsha kweenyawo kunye nomzimba omoshakeleyo. Indawo yokulala kufuneka iphathwe kakuhle ukunqanda ukukhula kwe-ammonia kunye nezifo ezibangelwe zizinto eziphilayo.

Kwimveliso yorhwebo, imeko zemozulu (amanqanaba kunye nokufuma) futhi nomoya, zixhatshazelwa ukugcina inkunkuma yomile kwaye nokunqanda amazinga we-ammonia, iyiyo into ekhuthaza ukukhula kwe zifo kunye nezinto ezibolileyo. Iinkunkuma iyaguqulwa yonke imihla, njenga xa ulima. Kuxhomekeka kwintlobo yendawo yokulala nokuba umaleko wenziwe na, izinto ezicocekileyo zokulala ziyabekwa kwindlu yentaka phantsi kweentaka ezincinci, zaziswe, zisuswe, ziphinde zilahlwe emveni kokuba iintaka zisusiwe.

Indlu yeeNkukhu

Izindlu zeenkukhu kufuneka zicociwe kwaye zisuswe iintshologwane emva kokuba umhlambi uhambile, phambi kokuba kufike umhlambi omtsha. Iqela lelizwe elijongene nokhuseleko lwezilwanyana lucebisa ukuba abavelisi, xa bebulala iintsholongwane kwindawo zemveliso yeenkukhu, babulale zonke izilwanyana eziphatha izifo ezifana neempukane, ezasendle, iintwala, amagciwane, ibheji kunye namaphela, ngokukhawuleza okodibene nokungxama xasele iintaka sisusiwe kwisakhiwo, kuba izinambuzane zithanda ukuzimela zizifihle apha esakhiweni, lonto yenza kubenzima ukuzitshabalalisa. Ikhemikhali ezintlobo-ntlobo ziyafumaneka ukulwa ezizifo. Xa ufuna ukhuseleko kunye nemiphumela ebonakalayo. Abavelisi kufuneka basebenzise ezikhemikhali ngokwemiyalelo.

Ulawulo lweempuku lufuneka lwenziwe msinyane, ngabula i-OIE, isondlo sona sisuswe kuzo zonke iindawo zokutyela ukuqinisekisa ukuba iimpuku zizothabatheka yimigibe yazo. Ukutya okudala kufuneka kususiwe, kuba luphatha izinto ezibolileyo ezingenza izifo.

Inkunkuma yeenkukhu inenani eliphezulu leentsholongwane, kungoko kufuneka ikhathalelwe ukunqanda uchaphazelo lothuli kunye neempiko xa isuswa. Inkunkuma iyalahlwa ngendlela ekhusela ulwando lwezifo kwaye kufuneka ukuba igcinwe kude nakuzo zonke ezinye izindlu zeenkukhu. Funda banzi ngolawulo lwenkunkuma.

Abavelisi kufuneka basenzise imithetho yempilo kunye nokhuseleko xa becoca izindlu zeenkukhu, umzekelo, impahla ekhuselekileyo, iglavu ezinde, izihlangu zerabha, iminqwazi emide kunye nemaskhi yokuzikhusela kuthuli, ukubola kunye nekhemikhali ezinetyhefu. Ukwenza lula umsebenzi wokucoca, zonke izixhobo ezisukayo mazisuswe zisiwe kwindawo yokuzicoca banzi. Izinto ezisebenzisa umbane, mazicinywe zonke.

Kukho amazinga amathathu okucoca, abizwa, ucoceko olomileyo, ucoceko olumanzi kunye nokubulala iintsholongwane. Ngexesha lococeko olomileyo, umtshayelo, i-brashi, umhlakulo, i-ragi kunye nomoya ocinezelekileyo zingasetyenziswa ukususa uthuli, umhlaba kunye nayo yonke into ephilayo efumaneka endlini, equka, ifeni, phantsi, uphahla kunye namanyathelo wendlu.

KHUMBULA UKUBA, UCOCEKO OLOMILEYO AKUFUNEKANGA LWENZEKE KWIZINDLU EZINEZIFO EZIFANA NOMKHUHLANE OKANYE ISIFO SASE-NEWCASTLE.

Imisebenzi, ngabula i-OIE, kufuneka iqale pha kwindawo ephuzulu ukuya ezantsi ukunciphisa usulwelwano lwesifo kwindawo esele icocekileyo. Umsebenzi wokulungisa kufuneka wenzeke ngelithuba, ngokusebenzosa izinto eziphelileyo okanye ezo zingakwazi ukucoceka zisuswe, kubekwe izixhobo ezintsha. Ngelixesha, zonke izakhiwo ezisecaleni kwendlu yeenkukhu funeka zingabina doti, ukungcola kunye neentsiba, kubekhona nendawo engange mitha ezimbini apha ecaleni kwendlu ekude le kwimifino kunye nencitho.

Ngexesha lococeko olumanzi, imigubo yesephu kunye nesephu isetyenziswa ekuhlambeni, ukopura, ukusowukha kunye nokususa yonke into eshiyekileyo esaphilayo. Ngokweqela lombutho i-Food and Agriculture lase United States kwingxelo yabo ethi Cleaning & Disinfection of Poultry Farm by Yoni Segal, owona mgubo wesephu oqhelekileyo wokuhlamba iimpahla, uyafikeleleka kwaye uneziphumo ezintle.

Izinto zoxinzelelo oluphezulu ziyasetyenziswa ngelixesha, ingakumbi amanzi ashushu, ukucoca indawo eziphantsi kunye neendawo ezinzima ukucoceka, kunye nendawo engena umoya kunye nesigubhu sefeni.

Ngexesha lokubulala iintsholongwane, izifo ziyatshabalala. Iqela lombutho lwaseMzantsi Afrika lweNkukhu licebisa ukuba abalimi balandele imithetho yezicelo zabo, kuba isibulali sifo asizosebenza kakuhle ukuba sigalelwe kancinci, okanye xa sishiywe sivulekile xangake xesha elincinci, siyoma phambi kokuba ixesha layo liphele. Emva kokubulala iintsholongwane, zonke izixhobo zibuyiselwa ngaphakathi, phambi kokuba indlu ifakwe isibulali maphela, eloke lilinge lokugqibela lokubulala zonke izinto eziphilayo eziyingozi.

Translated by Aviwe Damane