Ubume Bomkhosi WamaZulu

Amandla Esizwe SamaZulu

©Dr Peter Magubane

Ngethuba lokuphatha kuka Shaka kunye nabalandela yena, ukukhula namandla wesizwe samazulu kwakulele kubume bomkhosi kunye nezakhono zawo. Umkhosi wawakhelwe kwindlela ebizwa ngo kubuthwa (ukukhethwa/ukuchongwa) neyaba negalelo elikhulu ekuphelisweni kwemicimbi yokusuka ebuntwaneni ukuya ebudaleni. Ibutho lalisenziwa ngendlela yokuba, iqela lamakhwenkwe akwiminyaka ethile elinganayo adityaniswe(ibutho isinye, amabutho isininzi).

Ukubuthwa kwakusenziwa naku mantombazana, kodwa kumaxa amaninzi babekhethwa ngokweminyaka kunamaqela. Amabutho ayehlaliswa kwiindawo ezihlala amajoni (ikhanda isinye, amakhanda isininzi), athiwe saa kubukumkani bonke. Ayeba phantsi kolawulo lwesihlobo esisondeleyo sekumkani okanye umntu ochongwe yikumkani.

Ezi ndawo zihlala amajoni zazifana nomzi oqhelekileyo ngokwakhiwa nangendlela ezime ngayo, ntokunayo zonka zaziba nkulu kakhulu. Ngaphezu kwemisebenzi yobujoni, aba bafana (izinsizwa) babesiba yinxalenye ekulungisweni nokugcina iindawo abahlala kuzo zise mgangathweni. Kwaye babe bizwa ukuba baze kwenza imisebenzi kwezi ndawo zabo kunye nasemzini we kumkani. Babesebenza njengabagcini bomhlambi wesizwe, izithunywa zenkosi kunye namapolisa asemakhaya.

Babekwa jongana nokulinywa kwezityalo zomzi wekumkani. Into ebalulekileyo ngoku dibanisa umkhosi yayikukuba kwakuhlala kukho amadoda aphantsi koqeqesho, ngoko ke kwakuba lula ukuba ikumkani idibanise umkhosi wamajoni nje ngethutyana elingephi.

Iindlela Zokulwa

Iindlela zokulwa ezaqanjwa ngu Shaka zeza notshintsho olukhulu kwaye zadlala indima ebalulekileyo ekunyuseni umkhosi wamaZulu ukuba uphathe. Into yokuqala uShaka awayenzayo kukutshintsha amaqhinga okulwa. Ngaphambi kokuba kuphathe yena, imikhosi ephikisanayo yayidwela ize igibiselane ngemikhonto.

uShaka weza necebo loku sondelelana xa kusiliwa kusetyenziswa imikhonto emide, enendawo zokubamba ezimfutshane. Wacutha nomlinganiselo wamakhaka, wawenza aba mancinci akwazi ukuphatheka lula. Waye waqeqesha namadoda akhe ukuba asebenzise amakhaka awo ukutyhalela ecaleni amakhaka abo baqubisana nabo, ngalendlela wayeshiyeka evelile ukuba angahlatywa kakuhle ngomkhonto.

Lo ka Shaka waphinda weza necebo lokucukanisa amajoni akhe ngendlela efana nentloko ye nkqu-inkomo zehlathi. Embindini okanye ‘esifubeni’ kwakubakho ingwele tshetshe zamadoda anamava ekulweni. Ayebekwa ngendlela yokuba la amajoni angaphambili ajongane notshaba, logama ango angasemva efihlakele engabonakali. Okokuqala eli qhinga lalenzelwe ukubhida utshaba ukuze likholelwe ekubeni liqubisana namajoni ambalwa.

Okwesibini amajonga amele ngasemva angaba nokukwazi ukungenelela endaweni yamaoni angaphambili ukuba ikhona imfuneko. Kuba wona azakube esenamandla, angakwazi nokuleqa utshaba oloyisiweyo xa lubaleka. Ukusuka esifubeni kwakukho amaphondo amabini, umsebenzi wawo yayikukurhangqa utshaba. Ngethuba kuhlaselwa iqhinga elixhaphakileyo yayikukulwa ngephondo elinye logama elinye lizimele ematyholweni nasemva kwengca ende. La azimeleyo ayechwechwa engabonwa ze arhangqe utshaba.

La maqhinga kwabonakala ukuba ayasebenza ngethuba ubukumkani bamaZulu bungonyamela isizwe sonke. Xa ibutho ligqibe iminyaka ethile lisebenzela ikumkani, minyaka leyo yayisenokufikelela kwishumi, ikumkakani yayinokunika imvume yokuba amalungu eminyaka ethile angatshata kwaye angathwala izitshaba. Esinye seziphumo sokulawula iminyaka amadoda anokutshata ngayo yayikukuqinisekisa ukuba kukho ukulingana okuthile kuluntu lwamaZulu phakathi kokwanda kwabantu kunye nezinto ezikhoyo ezidingekayo.

Translated by Zizipho Silwana