Ubume Beze Politiki ZamaTsonga

© Dr Peter Magubane

Iinkokheli Zesintu

Njengokuba abantu abamhlophe bafika banyanzelisa umthetho wabo kwiilali zamaTsonga, amandla eenkosi ehla. Kwathi kufika iminyaka yoo 1920 abantu abaninzi abamhlophe babona ikroba ekuqhekekeni kobukhosi kunye nokungalawuleki kweze politiki.

Abo babekholelwa ekwahlulweni kwabantu ngokwebala, babona ezintlanga ukuba ziya zigcwala kwiindawo zase dolophini ehlala abantu abamhlophe. Isikhundla senkosi somelezwa ngumthetho weminyaka yoo 1920, ze emva kweminyaka engama 30, iinkokheli zesintu zabonwa njengezibalulekileyo kwimithetho ye Bantustan.

Ngokwesintu, inkosi (hosi) kunye namaphakathi ayo iba nelizwi lokugqibela kwimithetho kunye nezigqibo ezithathwayo zelali. Inkosi iseyi nxalenye ebalulekileyo ka rhulumente kuwo onke amaqela ohlanga lwama Tsonga. Ubukhosi bulilifa kwaye buwela kwinkulu yesona siduko someleleyo seqela. Inkosi entsha kufuneka ivunywe ngamaphakathi ize ibekwe esikhundleni ngokuse sikweni. Ukuba inkulu iselula ngethuba kubhubha uyise wayo, umninawa wenkosi uye abe ehlala kwesi sikhundla njenge bambela.

Mandulo, inkosi yayibanelizwi lokugqibela. Wayenikisa ngomhlaba aze athathe nezigqibo mayelana nokuqalwa kwamasiko athile, imicimbi yokuvuna, kunye nemixhentso yemvula. Yayidibanisa amalungu eqela kunye nezinyanya zawo. Yayisenza zonke izigqibo ezidibene nemfazwe okanye nomkhosi, yayikwanguye obaphambili emfazweni.

Wayencediswa ngamagosa ayesenza imisebenzi ekhethekileyo. Namhlanje iinkosi ziyabhatalwa njengezicaka zika rhulumente ezinoxanduva lokulawua abantu abaphantsi kwayo. Kufuneka ziqokelele irhafu kwaye zijongane nonikezelo lwenkonzo olufana namanzi acocekileyo aphuma empompeni okanye ukwakhiwa kwamagumbi amatsha okufundela. Iinkosi ziyaqhubeka nokudlala indima ebalulekileyo yokuba ngamathemba elalini, ekugcineni ubuni neqhayiya loluntu kunye nokuthandana kuluntu lwase zilalini.

Translated by Zizipho Silwana