Ubume Beze Poliki bamaZulu

© Dr Peter Magubane

Amaqela Ezepolitiki amaZulu

Ubume beze politiki bamaZulu kwakhiwa oku kwe pyramid. Esisekweni sesi sakhiw kwakukho imizi ezimeleyo, neyayibalwa njenge lona qela lincinane kuhrulumente wesizwe. Umzi ngamnye wawuphantsi kolawulo luka mnumzane, nowayeyintloko yekhaya enoanduva lokuqinisekisa ukuba izinto zekhaya zihamba ngendlela.

Waye kwajongana nazo zonke iingxushu-ngxushu zasekuhlaleni okanye eziphakathi nekhaya ezinokuthi zivele. Wayephendula kwi nduna- neyintloko yelali (isigodi) emi umzi lowo.

Induna yayinoxanduva lokugcina umthetho nocwangco kwilali yakhe, waye sombulula nengxushu-ngxushu ezohlule intloko yekhaya okanye ezo zinkulu okanye ezibaluleke kakhulu ukuba zingasonjululwa yintloko yekhaya. Ilali yona yayiba yinxalenye yommandla omkhulu kakhulu, nobizwa nge sifunda, nesasilawulwa yintloko ebalulekileyo yommandla okanye inkosi, neyayiphendula ngqo kwi kumkani.

Kumhlaba nakwixesha apho uqhakamshelwano lwalunzima, lendlela yolawulo nepolitiki yayisenza kubelula ukuba inkosi ifumane ingxelo ikwazi nokulawula ngendlela ubukumkani bayo. Le ndlela yolawulo ikwazile ukuqhubeka nasemveni kolawulo lwabantu abamhlophe. Kwaye urhulumente omtsha woMzantsi Afrika owonyulwa ngomnyaka ka 1994, waye wasibona isidingo soku xhasa aze agcine ulawulo lwesintu ukuze kungabikho phehluzeliso kulawulo lwase zilalini.

Kodwa ke, ezinye indlela zendlela zesintu zazingquzulana kunye nomgaqo siseko omtsha woMzantsi Afrika. Eminye yale migaqo kukulingana kwabantu nokuba baloluphi na uhlanga, basisisni sini okanye bakweyiphi inkolo. Ukunikwa kwabafazi umhlaba, nokwakukade kungavunyelwa mandulo, sele kusiya kuxhaphaka ngoku.

Translated by Zizipho Silwana

Imvelaphi yamaZulu - Iziduko Ezahlukeneyo

Malunga nomnyaka ka 1550 uMalandela, inkosi enabalandeli abaliqaqobana yazinza emazanzi kwe Amandawe Hill ngasemazantsi omlambo Umhlatuze Ri...more

AmaZulu

Imvelaphi yamaZulu, nekukholeleka ukuba alolona hlanga lunabantu abaninzi kwilizw loMzantsi Afrika, isusela kubukhosi obuncinane obuthetha i...more