Ubomi Bale Mihla Bohlanga LwaBasotho

Abasebenzi eMzantsi Afrika

©Roger de la Harpe

Baninzi abemi base Lesotho aba ngabasebenzi base migodini yase Mzantsi Afrika. Kuba unintshi lwabo lufumana imali ngokusebenza emigodini, oku kuchaphazela indlela abenza ngayo izinto. Amadoda awabonani neentsapho zawo ithuba elide, kwaye oku kutshintshe nendlela ebonwa ngayo imitshato.

Amadoda beza nengeniso eyimali ekhayeni baze bona abafazi bakhe baze bagcine namakhaya. Ilobola inika indoda igunya lokufuna inkxaso mali kuba ntwana bayo xa sele befikelele kwilia lokwenza eyabo imali. Izinyanya kunye nabanyangi (lingaka) ziyabandakanyeka kubomi bamadoda njengabasebenzi abahlala kude namakhaya, kunye nabafazi abashiyeka ngasemva emakhaya. Bathi babizwe (abanyangi kunye nezinyanya) ukuba bakhusele lamadoda kuzo zonke iingozi ezinokuwavelela emigodini nakwi mizi mveliso.

Kulindeleke ukuba bancedise ekunyangeni ukulimala emphefumlweni nasenyameni. Banyanga nazo zonke ke iingxaki ezayanyaniswa nemisebenzi yabo; kwaye abafazi abashiyeke ngasemva ukuba bahoye abantwana babhenela kubo xa bexhalabiswe ziingxaki ngemfuyo kunye nentsimi. Aba bafazi ababinayo nemali engako yokuba bhatala, maxa wambi ababinayo kwa mali.

Translated by Zizipho Silwana