Touriga Nacional

© Vititec

Inkcazelo

Touriga Naçional ngumdiliya obomvu ovamise ukusetyenziswa ekuveliseni imixube yohlobo lwe port, kodwa mva nje ukwasetyenziswa ekuveliseni idry wines. Unozala walomdiliya awaziwa.

Imvelaphi

Uninzi lukholelwa ekubeni iTouriga Naçional ivela kumantla we Portugal, kodwa kusekho uphikiswano ukuba ndawoni kanye. Isithili iDouro ibanga ukuba ingcambu zalomdiliya ziphaya, ikwathi yathiwe ngegama lelali I Touriga, nayo iDão ibanga ukuba ingcambu zalomdiliya zikuyo.

Okwangoku intlolo ye DNA, ingqinelana nelibanogo le Dao, ikwabonisa nobungqina bokuba lengingqi iinenndidi ezininzi ezahlukeneyo zeTouriga Naçional ukogqitha iDouro. Ngokweziziphumo kukhangeleka ngathi lomdiliya wafika e Douro nge Sentyuri 18. iTouriga Naçional ayingowona mdiliya ulinywayo ePortugal, kodwa ngowona usemgangathweni ophezulu.

Amanye Amagama

Maninzi amagama akhoyo ebizwa ngawo, kuquka iTouriga, iTouringa, iMortágua, iTuriga ne Bical Tinto.

Imveliso eMzantsi Afrika

iTouriga Naçional yafika eMzantsi Afrika ngeminyaka yo 1970. Umzi mveliso we wayini iOvergaauw Wines, kufuphi ne Stellenbosch, yaba yeyokuqala ukutyala lomdiliya ekupheleni kweminyaka yo 1970, caba babefuna ukongeza utshintsho kwindidi zemidiliya yabo yohlobo lwe port.

Ngomnyaka ka 1992, lomzi mveliso waba ngowokuqala ukuvelisa iwayini engangxengwanga yohlopbo lwe port ngomdiliya we Touriga Naçional. iDe Krans kufuphi ne Calitzdorp eKlein Karoo yalima okokuqala i Touriga Naçional ngo 1984 yaze ngo 2000 yabayeyokuqala apha kweli lizwe ukuvelisa iwayini engangxengwanga eyenziwe ngalomdiliya.

Iingingqi Eveliswa eMzantsi Afrika

Imveliso yayo iselugcuntswana kakhulu eMzantsi Afrika, zibalelwa kwinanana nje elingama 100 ha elityaliweyo, ngo 2016. Ngapha kwesiqingatha selinani lise Swartland kunye nase Klein Karoo.

Ukukhula

Lomdiliya uyachuma, kodwa awuthwali sivuno sikhulu. Siqikelwa phakathi kwe 8t/ha ukuya kwi 10t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa kade, ukusukela esiphakathini senyanga ka Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Lendidi inamagaqa amancinci, amile okwe ovali kunye namaxolo omeleleyo amnyama. Inyama yangaphakathi inamanzi amaninzi kunye nencasa eswiti okweziqhamo.

Amagqabi

Amagqabi wayo aluhlaza okhanyayo, aphakathi ngokomlinganiselo arawndi kwaye anamacala amahlanu.

Izonakalisi Nezifo

Ichaphazeleka lula kukungunda nokubola.

Imisebenzi

EMzantsi Afrika isetyenziselwa ukwenza iwayini ezingangxengwanga kunye nezingxengiweyo zohlobo lwe port. Imixube ixamise ukuquka ezinye iindidi zase Portugal ezifana neVerdelho, iSouzão, iTinta Barocca ne Tempranillo.

Incasa

Lomdiliya uvelisa incasa ezayanyaniswa namaqunube amnyama, imulberry, ivayolethi, intyatyambo ze rose kunye ne tshokholeythi emnyama.Translated by Zizipho Silwana