Tinta Barocca

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iTinta Barocca ngumdiliya we wayini ebomvu osetyenziselwa ukuvelisa iwayini ezibomvu zohlobo lwe port okanye ezi dry. Yadalwa ngokudiibanisa iMarufo kunye ne Touriga Naçional.

Imvelaphi

iTinta Barocca isuka kwi lali I Douro kumantla welizwe lase Portugal, nalapho imbewu yayo yokuqala yakhethwa ngomnyaka ka 1899.

Amanye Amagama

Yayisakwaziwa ngala magama: Tinta Barroca, iBaroccas, iBoca de mina, iTinta das Barrocas, Tinta gorda, iTinta grossa ne Tinta vigaria.

Imveliso eMzantsi Afrika

iTinta Barocca yathathwa e Portugal ekupheleni kweminyaka yoo 1920. Ekuqaleni abalimi babeyibhidanisa ne Shiraz, kodwa emveni kokuqaphela impazamo yabo baqalisa ukuyisebenzisa lendidi kwi mveliso ehamba phaambili ehlabathini ye wayini zohlobo lwe port. Ukuthandwa kwayo okungapheliyo kwe wayini zohlobo lwe port, kuleminyaka igqithileyo, kukhokelele ekubene abavelisi be wayini eMzantsi Afrika ukuba basose bevelisa esemgangathweni yona iwayini negxengiweyo nengangxengwanga ngalomdiliya. uMzantsi Afrika unembali ende yemveliso ye wayini ze Port , kodwa ayivumelekanga ukusebenzisa igama le Pory ukusukela ngo Janwari 20112 emva kokutyikitya isivumelwano sezoshishino lezolimo kunye ne European Union.

Ukusukela ngoko , iwayini yohlobo lwe Port yaseMzantsi Afrika ifakwa ezibhotileni ezinombhalo I Cape, ilandelwe ligama lohlobo lwayo olufanelekileyo. Ngokwabavelisi be wayini ze Cape-Port Producers Association ,igama I Cape White lisetyenziswa kwiwayini ezingezelweyo (fortified) ezenziwe ngemidiliya eyi non-muscat, ezifana ne Chardonnay, Chenin blanc okanye iVerdehlo, logama I Cape Pink iligama elisetynziswa kindidi ze fortified rosé ezinombala opinki. Zombini ezindidi ze wayini kufuneka zivundiswe kangange nyanga ezi 6 ukuze zikulungelwe ukubizwa ngalamagama. Igama I Cape Ruby lisetyenziswa kwimixube ye wayini eziselula ne wayini ezi fortified ezinencasa yeziqhamo. Iyohluka kwi Cape Tawny ngendlela yokuba isiqingatha sale wayini esetyenziswayo ukuyenza kufuneka sivundiswe inyanga ezintandathu kwaye ingagqithi kwiminyaka emithathu.

Nangona kunjali, umyinge we 80% we wayini esetyenziswayo ukuveloisa I Cape Tawny kufuneka ivundiswe ngangeminyaka emithandathu. iCape dated okanye I Vintage Tawny nazo kufanele zivundiswe kangangeminyaka emithandathu, kodwa kufuneka yenziwe ngemidiliya evunwe ngonyaka othile- ngamanye amagama, umdiliya oluhlobo olunye. Igama iThe Cape Late Bottled Vintage lisetyenziswa kwi wayini ezivundiswe kwifatyi yom oki okanye ebhotileni kangengeminyaka emithathu ubuncinane, kunye nokuvundiselwa kwi fatyi zom oki kangange minyaka emibini ubuncincane.

Ngaphezu koku, I 85% yale wayini esebhotileni kufuneka iphume kumdiliya olinywe ngonyaka othile –ungaxutywa. iCape Vintage isetyenziswa kwi wayini ezimbala umnyama ngomdiliya omnye ovundiswe unyaka omnye ubuncinane, logama I Cape vintage Reserve yona isetyenziswa ukuvelisa iwayini abavelisi be wayini absayithatha njenge wayini yabo ephala phambili (superior Cape Vintage wines).

Iingingqi Eveliswa Kuzo

Ingingqi ephantsi kwemveliso ye Tinta Barocca eMzantsi Afrika yehle kangangesiqingatha ukusukela kwiminyaka yo 1980, ngenxa yokwehla kokufunwa kwe wayini zohlobo lwe Port. Ngangona igcuntswana lwe hekhtare zinokufumaneka kuninzi lwengingqi ezivelisa iwayini, eyona ndawo ilinywe kakhulu kuyo kuse Swartland,e Little Karoo nase Stellenbosch. Ezi zingqingqi ezinomlinganiselo we kota ezintathu wemveliso ye Tinta Barocca kweli lizwe.

Ukukhula

Iyachuma kwaye iyanaba xa ikhula kwaye ithwala isivuno esikhulu, ibaphakathi kwe 16t/ha ukuya kwi 20t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa esiphakathini sexesha lokuvunwa, ukuqala esiphakathini senyanga kwa Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Amaga omdiliya aphakathi ngokomlinganiselo, amile ovali omfutshane kwaye amnyama, Amaxolo apecepece kwaye omelele, logama inyama yangaphakathi iqinile kancinci kodwa ibanamanzi amaninzi maxa wambi.

Amagqabi

©Glenneis Kriel
Amagqabi makhulu, arawndi ze abenamaxala amathathu kwaye anombala oluhlaza ongacacanga.

Izonakalisi Nezifo

iTinta Barocca inochuku kwi zifo ze downy and powdery mildew.

Imisebenzi

Lomdiliya usetyenziswa ukuvelisa iwayini zohlobo lwe port kunye dry ezibomvu.

Incasa

Ezi wayini zingohluka ngombala ukusuka ku bomvu ocacileyo ukuya kophantse wamnyama kwaye zikhupha incasa eshoqololo yamaqunube neswiti okweziqhamo.

Translated by Zizipho Silwana