Stingrays

© Jean Tresfon

Igama leentsapho eziqhelekileyo

Stingrays

I-Alias

Whiptail, Mangrove whip ray, marbled whip ray, Honeycomb, Blue spotted, Blue spotted ribbontail, Blotched.

Igama lezesayensi

Dasyatidae

Ubukhulu

Ukufika ku-4m yamaphiko

Inkangeleko

Ithiywe emva kolwamvila olusemsileni. Imbaca, inomzimba olicwecwe kunye namaphiko akhe unxathathu. Intloko ayohlukanga kumzimba. Ibanzi kangangokuba inde. Inomsila omde.

Inkcukhacha jikelele

Dasyatidae usapho luquka iintlobo eziyi 9 eziqhelekileyo kunye neentlobo zosapho eziyi 70. Demersal -ihlala emazantsi. Ifunyanwa kwiindawo ezamanzi nalapho kukhona amanzi amatsha. Iphefumla ngokukha amanzi kumngxunya omncinci ngasemehlweni iphinde iwakhuphe nge-gilizi ngaphantsi. Ezinye zinamazinyo ambaca angathi yi-pleyiti, ezinye azinawo. Zimunca amaxhoba ngemilomo yazo. Umsila usetyenziswa xa zizikhusela qha. Ovoviviparous - amantshontsho azalwa ephila.

Ukutya

Itya kakhulu ingwane, izilwanyana ezidadayo kunye nentlanzi encinci. Zizingcwaba esantini ukulalela amaxhoba wazo. Zisebenzisa izamkeli zombane ukufumana amaxhoba wazo.

Ukufumaneka

Zifumaneka kwiindawo ezinobushushu naselwandle kwizwe lonke.

Iindidi eziqhelekileyo:

Blue-spotted ribbontail ray - Taeniura lymma
Blotched stingray - Taeniura meyeni
Honeycomb stingray - Himantura uarnak