Speke's Hinged Tortoise
Ufudo

© Tyrone Ping

Igama

Ufudo [Kinixys spekii]

Udidi

Isilwanyana esirhubuluzayo

I-oda

Testudines

Usapho

Testudinidae

Ubude imazi

140 - 160 mm

Ubude inkunzi

140 - 160 mm

Inkcazelo

Liphakathi ngomzimba elifudo kwaye lineqokobhe eligudileyo. Iqokobhe linephethini engathi iyakhanya ngebala iphinde libe mnyama. Lonto ixhaphakile pha kwiinkunzi ezindala, imibala emnyama yona iyo hlukana kwii mazi ezindala.

Ulwabelwano

Kwiindawo ezinamanzi pha kwiMpuma ye Afrika, ukuya eZimbawe, uMntla-Ntshona nakwi phondo laseMntla e-Mzantsi Afrika. Ziyafika napha emathafeni ase Mozambique ukuya kumzantsi weSwaziland.

Ukuzala

Inani lamaqanda lisuka ku 2-6.

Itya ntoni

Itya ukutya okuhlukileyo okuquka iziqhamo, amakhowe, izineyile ezinkulu kunye nooqongqothwane.