Snouted Cobra
Iphimpi

© Roger de la Harpe
Snakes should not be handled by anyone other than a trained handler for your own protection.

Igama

Iphimpi [Naja annulifera]

Iinkcukacha Ezibalulekileyo

Uluhlu - Reptilia
Ubume - Squamata
Usapho - Elapidae
Ubude (Imazi) - Ubude obuqhelekileyo bubayi 1.8m kodwa sele isuka kufikela kubude obuyi 2.5m.
Ubude (Inkunzi) - Ubude obuqhelekileyo obuyi 1.8m kodwa sele isuka kufikelela kubude obungama 2.5m.

Ezinye iindidi

Iphimpi​ [​Naja annulifera] ​nelalisaya kubizwa njenge phimpi laseEgypt [Naja haje] lohlulwe lazi ndidi ezimbini ezihlukeneyo. Iphimpi lifumaneka e Limpopo, phondo loMntla Ntshona, Mntla wase Rhawutini, nase Mantla e KwaZulu-Natal. Iyafumaneka naku Mzantsi we Mozambique, Ntshona Botswana kunye nase Zimbabwe. Iphimpi laseEgypt lifumaneka e Morocco, kwi Ntshona yase Egypt, ku Mzantsi we Tanzania nase ntshona kwakunye nakumbindi we Afrika.

Inkangeleko

Iphimpi libazintlobo ezimbini: Ebangumbala otyheli yonke okanye omdaka yonke.

Apho lifumaneka khona

Iphimpi lifumaneka e Limpopo, kwiphondo lo Mntla Ntshona, Umntla Rhawuti naku Mantla a Kwa-Zulu Natal. Liyafumaneka nase Mazantsi e Mozambiquue, Mpuma Botwana nase Zimbabwe.

Ubuhlungu

Iphimpi linobuhlungu obuyingozi nobufika bubeyi thyefu engqondo.

Isidlo

Iphimpi laziwa ngokutya izinto ezininzi ezahlukeneyo. Amaxhoba alo aquka: izilwanyana ezincinci, iintaka,amasele, amacikilishe (ingakumbi la mancinci) nezinye iinyoka kuquka nezinobuhlungu ezifana nePhimp Eliticayo lase Mozambique nama Rhamba aliwachasanga.

Amanqaku asendle

Iphimpi yinyoka enkulu eyomeleleyo, enokufumaneka kwingingqi ezinengca eyomileyo, ezinemithi apho zithi zihlale kulemithi kwakunye nakufuphi nemilambo. Azibu tsitsizi okanye zibutice ubuhlungu bazo. Xa isengozini ima nqo ivuthamelanise intamo ukugrogrisa iintshaba, ukuba oku akulugxothi utshaba lenyoka iye ihlasele ilume.