Seeplakkie
Umqhaphu

© Roger de la Harpe
Seeplakkie.

Igama

Umqhaphu

Igama lesi Latin

Scaevola plumieri

Apho ukhula khona

Imisa ndawoninye isanti nge ngcambu zayo ezinabileyo; ukuze ingaphaphatheki. Ikhula iphithane, inwebu engqindilili encangathi iyinceda ekugcineni amanzi ingatshi.

Inkangeleko

Ihlahlana elincinci nelihlala liluhlaza,lineziqu eziqinileyo kunye namagqabi ancangathi amile okwe ovali. Iintyatyambo zimhlophe, zincinci kwaye zimile okwe feni. Ineziqhamo ezincinci ezibufana namaqunube, zibanombala omfusa zakuvuthwa. Umlinganiselo wamagqabi ungama 40 mm, ze iyonke ibengama 1 m ubude.
Olunye udidi olufana nesi sityalo yi Salsola nollothensis (Port Nolloth ukwenyukela) sesona sityalo sibalulekileyo esigcina ndawoninye iziduli zesanti kwintlango yonxweme lwase Namibia.
Ijongene nokunqongophala kwamanzi, ukutshizwa yityiwa, ubushushu kunye nesanti ephaphathekayo. Inesiqu esomeleleyo esilikhuni kunye namagqabi apinki.