Rock Aloe

Igama

Rock Aloe

Igama lesi Latin

Aloe Petricola

Inkangeleko

Likhala elincinci elingenasiqu, elinamagqabi atyebileyo axubene noluhlaza wesibhakabhaka nowengca. Amagqabi avamise ukuba bukhali apha emacaleni kwaye anencindi etyhelirha,enembu-nembu. Iminyaka emininzi le ncindi isetyenziselwe ukunyanga izigulo zesisu. Lamagqabi akwasetyenziselwa ukugcina amanzi, ukuze esisityalo sibe nokuphila ngexesha lembalela. Iintyatyambo ezifukufuku ezitsolo ziqala ukuvela phakathi ebusika.
Ezintyatyambo zithwalwa ziziqu ezomeleleyo kwaye ziyimibhoshongqo. Uninzi lwamakhala lukukutya okubalulekileyo kwe ntaka-zelanga ezithi zindwendwele ezintyatyambo zikhangela incindi. Zikwanceda nasekusasazeni imbewu yekhala.

Apho likhula khona

Likhula kwimihlaba erhabaxa kumazantsi omlambi I Sabie River e Kruger National Park.