Pyjama Flower

Igama

Pyjama Flower

Igama lesi Latin

Androcymbium Melanthioides

Inkangeleko

IPyjama Flower yintyatyambo esokolo ikhona unyaka wonke, ingcambu yayo yingqakumba encinci ebalelwa kuma 1.5 cm umlinganiselo wayo. Amagqabi amathathu aluhlaza athi antshulele ngaphezu komhlaba.

Kunye namanye ambala umfusa okanye amhlophe abemahlanu okanye abemathandathu, anemigca emincinici eluhlaza, nathi agqume intloko yentyatyambo ezibalelwa kwisithandathu. Le ntyatyambo ayigqamanga, umntu angayqaphela sele ekutshane nayo, ibakufuphi nomhlaba. Le ntyatyambo ke idubula ngeyeKhala ukuya kweyoMsintsi.

Apho ikhula khona

IPyjama Flower ikhula kwingxondorha zamatye ezomileyo okanye kwimihlaba ephangaleleyo enengca. Inokufumaneka ikhula nakwi Phondo loMntla koloni.