Pinot Gris and Pinot Blanc

Inkcazelo

iPinot gris ne Pinot blanc yimidiliya eyaphuma ngokutshintsha kombala we Pinot noir. Owona mahluko phakathi kwezindidi ngowokuba amagaqa omdiliya we Pinot noir anamaxolo amnyama, Logama awe Pinot blanc emhlophe ze awe Pinot gris abenombala ongwevu bukuluhlaza wesibhakabhaka, maxa wambi abemdaka buku pinki, maxa wambi nqu nakwi bhantshi enye. Zombini iPinot gris ne Pinot blanc zisetyenziswa ukuvelisa iwayini emhlophe nehlwahlwazayo (sparkling) emhlophe.

Imvelaphi

iPinot gris ne Pinot blanc iingcambu zazo zise Burgundy kwelase France, apho zombini ziveliswe amashumi ngamashumi eminyaka.

Amanye Amagama

Amanye amagama eyaziwa ngayo ngcono iPinot gris yi Pinot Grigio kwelase Italy, iPetit gris kwelase France, Szükerbarát, kwelase Hungary, nelithetha indoda yezenkolo (monk ngeSingesi) kunye ne Grauburgunder okanye iRülander kwelase Germany.

iPinot Grigio ivamise ukusetyenziswa ukuchaza iwayini epholileyo, eseleka lula, eyenzelwe ukuselwa kwangethuba, logama iPinot Gris, ibekelwa iwayini ezipheleleyo nezinokuvundiswa ixesha elide.

iPinot blanc ikwaziwa nanjenge Clevner okanye iKlevner kwelase France, iWeisburgunder okanye iWeisser Burgunder kwelase Germany, iPinot Bianco kwelase Italy ne Beli Pinot kwelase Slovania.

Imveliso eMzantsi Afrika

Izityalo zomdiliya ze Pinot gris zokuqala eMzantsi Afrika zathathwa e Germany,apho zaziveliswa ukusukela kwi Sentyuri 14, ngo 1963. Yakhutshelwa imveliso yezoshishino ngomnyaka ka 1977 kwaye yayiqale yasetyenziswa njengomxube wezinye iwayini neyangaphantsi kwezi hlwahlwazayo (sparkling).

iL’Ormarins yavelisa iwayini yokuqala ye Pinot gris engangxengwanga kwiminyaka yo 1980, neyathi yathengiswa njenge Pinot Grigio phantsi kwekwama layo I Terra del Capo. Iinkukacha ezishicilelweyo ze Pinot blanc yokuqala eMzantsi Afrika azifani.

Zimbi zibanga ukuba yayithathwe eCarlifornia ngomnyaka ka 1967 yaze yakhutshelwa uhlolo ngomnyaka ka 1971, logama ezinye inkcukacha zisithi ibekho kuphela emakethi ngeminyaka yo 1990.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Zombini ezindidi ziyachuma phantsi kwemeko ezipholileyo. Linani elingaphezudlwana kwe 350 ha eliphantsi kwemveliso, imveliso ye Pinot gris isencinci eMzantsi Afrika. Naxa kunjalo iya iduma kwaye yayiyeyeshumi kuluhlu lweyona midiliya ityalwa kakhulu ye wayini emhlophe apha elizweni ngomnyaka ka 2016.

Lomdiliya utyalwe kuzo zonke ingingqi ezivelisa iiwayini eMzantsi Afrika, ngaphandle kwase Little Karoo nase Northern Cape. iWorcester, eBreedekloof, eStellenbosch, eRobertson kunye nase Swartland zingingqi eziyityale kakhulu lendidi yomdiliya.

Imveliso ye Pinot blanc zange yakhula kangako eMzantsi Afrika, zingaphantsi kwe 10 ha elixeliweyo eliphantsi kwalendidi ngo 2016. Ngapha kwesiqingatha sezifama zise Paarl.

Ukukhula

Zombini iPinot gris kunye ne Pinot blanc azichumi kuyaphi, zisenokuvelisa inani eliphakathi kwe 9 t/ha to 12 t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa kwangethuba esiphakathini sangexesha lokuvunwa– Pinot gris ukusukela kwisiqingatha sokuqala senyanga ka Februwari ze yona I Pinot blanc, kwisiqingatha sesibini.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya we Pinot noir, Pinot gris kunye ne Pinot blanc aphantse afana ngokumila nomlinganiselo, mancinci a ovali kancinci. iPinot noir, nangona inamaxolo amnyama, ze yona iPinot blanc ibenamaxolo amhlophe.

iPinot gris iqala ibenamaxolo anombala oluhlaza ogqamileyo ojika ngwevu oluhlaza okwesibhakabhaka okanye umdaka opinki. Maxa wambi ibenemidilya enemibala eyohlukileyo kwibhantshi enye. Amaxolo walemidiliya yomibini ipecepece kwaye iqinile, logama umphakathi uthambile, uswiti kwaye unamanzi.

Amagqabi

Amagqabi we Pinot noir, iPinot gris kunye ne Pinot blanc abukufana; anombala oluhlaza ocacileyo, aphakathi ngokomlinganiselo arawndi kwaye anamacala amathathu ayekeyeke.

Izonakalisi Nezifo

Zombini ezindidi zichaphazeleka lula kukungundua (downy mildew) nokubola (Botrytis rot). Ukonakaliswa zintaka kuvamise ukubayingxaki ngenxa yokuvuthwa kwalomdiliya phambi kwethuba lokuvunwa.

Imisebenzi

Imizi mveliso ye wayini eMzantsi Afrika iyizamile iPinot blanc njenge wayini engangxengwanga, kodwa isetyenziswa kakhulu njenomxube. iPinot gris isetyenziswa ukwenza iwayini engangxengwanga nezinye ikwanguye nomlingani wokuxutywa nezinye iindidi zemidiliya.

Incasa

iPinot blanc, iwayini yayo inombala oluhlaza ogqamileyo, nencasa nevumba elmyoli ye le-orenji. Iwayini ze Pinot gris ziyashiyana, ukusuka kumbala ogqamileyo we dayimani ukuya kogolide, kuxhomekeka kwi hlobo lwe wayini, kunye nencasa esivakala kakhulu ze pesika neze plam.Translated by Zizipho Silwana