Petit Verdot

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iPetit Verdot ngumdiliya omnyama, nosetyenziswa kwakhulu ukwenza imixube yohlobo lwe Bordeaux. Igama layo “ Encinci eluhlaza” ngesi French, nelibhekisele kubunzima ukwenza amagaqa omdiliya akhule kwaye alunge phantsi kwemo zezulu ezipholileyo.

Akachanwa ncam unozala walomdiliya, kodwa kuqikelelwa ukuba kusenokwenzeka ukuba yinzala yendidid yamandulo yase Albany, iBalisca, okanye kungenzeka ukuba yadaleka ekutshintsheni kwendidid yomdiliya yasendle.

Imvelaphi

Nangona eyona ndawo yemvelaphi yayo ingaziwa, lomdiliya kubonakala ngathi lomdiliya waqala e Bordeaux kumzantsi ntshona wase France ngaphambi kwe Cabernet Sauvignon.

Lomdiliya wawukade ubonwa ubaluleke ukogqitha iCabernet Sauvignon eBordeaux, kodwa udumo lwawo lwehla ngokuhamba kwexesha ngenxa yengxaki zokuvuthwa kwayo kunye nemiceli mgeni ekuwuveliseni. Ubhubhane we phylloxera ekupheleni kweminyaka yo 1800 kunye ne qabaka ka 1956, nayo yadala ukwehla okukhulu ekukhuliseni lendidi kwelase France.

Amanye Amagama

Amanye amagama ayo aquka: iPetit Verdau, iPetit Verdot noir, iVerdau, Bonton Blanc,i Bouton, iCarmelin, iHeran, iLambrusquet noir, iVerdot kunye ne Plant de Palus.

Imveliso eMzantsi Afrika

Umzi mveliso we wayini iWelgemeend Wine Estate ikhangeleka ngathi yifama yokuqala eyatyala imithi ye Petit Verdot ngomnyaka ka 1975. Ingingqi ephantsi kwemveliso yayo eMzantsi Afrika iya ikhula, kulandela ukuziswa kwezityalo zayo ezithembisayo zama French ngeminyaka yo 1990.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Ukutyalwa kwe midiliya ye Peit Verdot kukhule kakhulu ukusukela kwiminyaka yo 1990, uMzantsi Afrika uzidla ngenani eliphantse lafikelela kwi 750ha lwalendidi yomdiliya. Lomdiliya uyalwe kuzo zonke iingingqi ezivelisa iwayini kwelilizwe, ze iStellenbosch ibeyeyona ityale kakhulu lomdiliya, ilandelwa yi Paarl ne Robertson.

Ukukhula

Lomdiliya uyachuma kwaye uyanaba xa ukukhula. Kwaye ithwala isivuno esikhulu, esihamba phakathi kwama 20 t/ha ukuya kuma 28 t/ha.

Ukuvuthwa

Imidiliya ivuthwa kade ngexesha lokuvunwa, ukusukela ekupheleni kwenyanga ka Matshi ukuya esiphakathini senyanga ka Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Le ndidi ivelisa amagaqa amancinci, arawndi, anamaxolo omeleleyo ajika ebe mfusa xa sele evuthwe kakhulu. Phantsi kwemeko zezulu ezimaxoko zezulu, imithi yayo ingavelisa imidiliya eluhlaza engenantanga.

Amagqabi

Amagqabi alomdiliya aphakathi ukuya kubukhulu ngokomlinganiselo anombala aluhlaza ocacileyo, amile okwesikwere futhi ane kona ezintlanu.

Izonakalisi Nezifo

Lomdiliya uhlaseleka lula kukungunda nokubola. Udinga ilanga elininzi ukuze uvuthwe ngokugqibeleleyo nokuphuhla kombala.

Imisebenzi

Inani le wayini ezingangxengwanga ezenziwe ngomdiliya we Petit Verdot, eliveliswa eMzantsi Afrika landile ukusuka kwiminyaka elishumi egqithileyo. Ikwasetyenziselwa ukwenza imixube ye wayini zehlobo lwe Bordeaux, umzekelo kunye ne, Cabernet Sauvignon, iMerlot, iCabernet Franc okanye iMalbec.

Incasa

Lomdiliya ubukhulu becala uvelisa incasa zamaqunube nezamandongomane. Incasa ezishoqololo zeziqhamo ziyaphuma xa izityalo zigqatswe lilanga ngenyanga ka Februwari. Iwayini imnyama ibenayo nendawo engathi mfusa.Translated by Zizipho Silwana