I-Nkolo nee Nkolelo yama San

Ukohluka kwe Nkolo

©Shem Compion

Kukho iinkolelo ezininzi ezohlukileyo phakathi kwamaqela ama San ohlukileyo, kodwa ke kuninzi okufanayo, nakwi ndawo ezohlukene kakhulu. Ekupheleni kwe nkulungwane ye 19th century, amadoda e/Xam (Northern Cape San) namanye asuka eLesotho ngoku zikhetheleyo bachaza inkolelo yabo kulowo obizwa ngokuba ngu/Kaggen okanye Cagn./Kaggen wayenemilingo ekwaziyo nokudala- enamandla, maxa wambi enokulunga, kodwa ekwazi ukubonakalisa amaqhinga, ukungcola kunye nezenzo ezingenabo ubukrelekrele.

Kwakucingwa okokuba nguye owadala isilwanyana impofu, esona silwanyana sivela amaxesha amaninzi kumatye atyatyekiweyo ase Mzantsi Afrika. iKalahari San nazo zinomlingo othile kwinkolelo zawo. iJu/’hoasi echazwa njenge sithixo esikhulu nesithixo esincinci, le yokugqibla ibandakaywa nobomi kunye nelanga eliphumayo, ekokugqiela nokufa kunye ne ntshona. Inkolo eyayisaziwa jikelele yayi kukuba, ukuqala kokudalwa komhlaba, izilwanyana zazi zazingohlulwa kubantu bokuqala.

Ababantu babengenayo inkolo nendlela yokuziphatha. Emveni kokudalwa okwesibini, kwathi kohlulwa izilwanyana nabantu, abantu bafunda ukuziphatha njengabantu. Bukhona ubuxoki namabali, asukela mandulo, abaliswayo kakhulu. Iinkolelo ngokufa azifani.

Ekupheleni kwenkulungwane ye 19th century, igama/Xam lendoda lalichaza okokuba ekufeni intliziyo yomntu yayisiya esibhakabhakeni, ijike ibeyi nkwenikwezi. Phakathi kwama Kalahari San, inkwenkwezi etsolo yayi soyanyaniswa nokufa komntu. Enye yama Southern San (ezisa imvula) okanye ukuthakathwa (kwelishwa) ekuzalweni, iyaphinda ivuseleleke ekufeni.

Ukwenza imvula yayi yinto ebalulekileyo phakathi kwama Southern San kwinkolelo, inkolo kunye nesintu sabo. I/Xam yase Northern Cape (ukudibana ngolwimi nenkcubeko kwakungasekho) babechazwa njengabane ‘milingo yemvula’, kunye ‘nemilingo yemfuyo’ kunye ‘nemilingo yezigulo’ (iinyangi). Iinkolelo zokholo ezaziwa kumaqela amaninzi ohlukileyo ama San babone kubalulekile ukuqonda imizobo yamatye ase Mzantsi Afrika.

Translated by Zikhona Plaatjie