Muscate D'Alexandrie
Hanepoot

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

iMuscat d’Alexandrie luhlobo olumhlophe lwewayini olunemisebenzi emininzi, lwaziwa kakhulu ngemveliso yayo lwewayini ezimhlophe eziswiti. Iphuma kusapho lwe Muscat. Uhlobo olunaqunube apinki lukhona kwaye lwaziwa nge Flame Muscat eKhalifoniya nase Rooi Hanepoot eMzantsi Afrika.

Imvelaphi

Oluhlobo lunemvelaphi esuka eMediterranean. Idume ngokuphuma kummandla osecaleni kwe Port yase Alexandria, kungako igama iMuscat d’ Alexandrie, abarhwebi base Phoenician bayithatha bayisa kwiGreece yakudala, apho yasiwa kuyo yonke indawo yase Europe.

Amanye Amagama

Yaziwa nge Muscat Romain kwezinye indawo zelizwe kwaye ibizwa nge Hanepoot eMzantsi Afrika.

Imveliso yase Mzantsi Afrika

Kukholelwa ukuba yi “Spanish druyfen”, ngesilungu “Idiliya yase Spain”, ngenxa yokuba uJan van Riebeeck wabhala ngayo kwidayari yakhe, mhlawumbi yayiyeyona ntlobo yokuqala yediliya ukuthuthelwa eMzantsi Afrika. Oluhlobo ludume ngokuba sisiselo esifudumezayo ebusika.

Iindawo yemveliso

Idiliya zithanda indawo ezishushu ezinobumanzi obuphantsi. Ityalwa kuzo zonke iindawo zemveliso yewayini eMzantsi Afrika, yona iBreedekloof yaziwa njenge yona ndawo enkulu kwimveliso, ilandelwa ngumlambo i Olifants.

Ukukhula

Ikhula ngomlinganiselo iphinde ibenekhono lwemveliso enkulu, ukusuka phakathi kwe hektare eziyi 20 t/ ukuya kwii hektare eziyi 23 t, lonto ixhomekeke kwiimeko zemveliso.

Ukuvuthwa

Ivuthwa kade, ekupheleni kweye Kwindla.

Amaqunube

Amaqubune makhulu iphinde ibe nxazonke nesikhumba esiluhlaza esijika sibelubhelu bumhlophe, ibengathi imbatshile bugolide xa ivuthiwe. Isikhumba sinqinile, kodwa siqinile, umphakathi wona ucacile, unencindi kwaye uswiti.

Amagqabi

Amagqabi amnyama buluhlaza, aphakathi ngomzimba futhi anamajikijolo amahlanu.

Izinambuzane ne Zifo

Oluhlobo lunkenenkene kumhlwa omhlophe, ixoshombe elintofontofo kunye ne anthracnose. Ukutshiswa lilanga yingxaki ekhupha amabala wobushushu abhelu okanye antsundu, ingakumbi kumagqabi amadala.

Intsebenziso

Oluhlobo lwaziwa ngenxa yobiliso lwayo, olusetyenziswa kwimveliso ye Muscadel kunye ne Jerepigo, futhi lusetyenziswa kwimveliso yewayini yasetafuleni, utywala, ibranti, iGrappa, idiliya yetafule, ireyisini, ijusi yediliya kunye nemoskonfyt.

Incasa

Oluhlobo luvelisa iwayini ezimnandi ezinevumba zembali kunye nobusi futhi nereyisini.Translated by Aviwe Damane