Muscat de Frontgnan
Muscadel

Inkcazelo

I-MuscadeleMzantsi Afrika ithetha ngodidi olubizwa i Muscat de Blanc à Petite Grains, xa lutolikwa luchaza iwayini emhlophe ebizwa iMuscat enamaqunube amancinci. Ithathelwa kwelona didi lwakudala apha eziselweni zomdiliya.

E-Mzantsi Afrika kuveliswa uhlobo lwakudala olumhlophe lwewayini kunye nohlobo oluguquliweyo, olufana ncam newayini emhlophe ngaphandle kokuba yona inamaqunube abomvu. Isetyenziswa kakhulu kwimveliso yewayini ebilisiweyo.

Imvelaphi

Kukholelwa ukuba amaRoma akudala aluthathaoluhlobo alusa eFrance, apho yatyalwa khona kakhulu eFrontignan. Oluhlobo, ngesisizathu, lwaziwa njenge Muscat de Frontignan.

Amanyeamagama

Ngaphandle kwe Muscat de Blanc à Petite Grains kunyene Muscat Frontignan, oluhlobo lumhlophe lwaziwa njenge Gelber Muskateller eJemeni nange Muscat Canelli eKhalifoniya. Udidi olubomvu lwaziwa njenge Muscat eNtsundu eAustraliya.

ImvelisoeMzantsi Afrika

Imuscadel yayikudidi olwalusetyenziswa kwimveliso lwewayini eMzantsi Afrika, pha kumnyaka u-1659, eminyakeni embalwa emva kokuba u-Jan van Riebeeck efikile eKoloni. I-Muscadel emhlophe kunye nebomvu, kunye ne Pontac, iFrontignac ne Steen esimhlophe, nazo zazibalwa kudidi olwabeka iwayini eziswiti zase Constantia kwi mephu pha kwinkulungwane ye 18th kunye neye 19th.

Lewayini yafumana udumo pha ngaphesheya, ithandwa kakhulu ebukhosini eEurope, apha yayidunyiswa kakhulu ziimbongi kunye nababhali.

Umbongo ka Jane Austen’s othi “Mrs Jennings: Sense and Sensibility (Umbono no Mbonisiso) ”, umzekelo, wakhuthaza usetyenziso oluncinci lwe-Constantia ngenxa yamandla awo okuphilisa intliziyo edakumbileyo, yena uCharles Baudelaire kumbongo wakhe obizwa “Les fleur du mal “(Iintyatyambo zokungcola) wayifanisa nomtsalane wesithandwa sakhe. u-Napoleon Bonaparte kwibhedi yakhe yokufa, kusoleka ukuba uye wacela ibhotile yale wayini.

Elixesha lifikele esiphelweni xa iPhylloxera, isinambuzane esifunxa incindi, siye satshabalalisa iidiliya ezininzi apha eMzantsi Afrika ngo 1886. Ukusuka apho, iidiliya zahlanganiswa neempande ezazikwazi ukumelana nezizinambuzane, ngeloxesha zaziphuma kwamanye amazwe ase Mntla Melika.

u-Mzantsi Afrika yayiyilizwe elilodwa kumazwe ambalwa, ukusuka pha ngenkulungwane ye 20th ukuvelisa iMuscadel ebomvu ngaphezu kwemhlophe. Lemeko iye yatshintsha ethubeni, iphumela kwi Muscadel ebomvu ityalwa kakhulu ekubeni utyalo lwayo lwalunciphisiwe.

Indawo Yemveliso

Nangona indawo yemveliso iye yala kakhulu eminyakeni, iidiliya zisafumaneka kwii-ndawo zemveliso ye-wayini apha elizweni. Intlambo yase Robertson yiyo enediliya ezininzi zeMuscadel, ingxelo ibonisa ukuba isiqingatha sehafu semveliso sesayo. Udidi olumhlophe luphumelela kwindawo ene-awana encinci, kwinzulu yezikhukhula zomhlaba okwi Karoo encinane, nangona udidi olumhlophe lugqama kumhlaba onesanti. Zombini ezindindi zithanda indawo enemeko yemozulu eshushu neyomileyo.

Ukukhula

Oludidi alukhuli ngamandla njengesizalwane sayo iMuscat d’ Alexandrie (eyaziwa njenge Hanepoot eMzantsi Afrika). Isivuno siqikelelwa pha kwii hektare eziyi 15 t ukuya pha kwi hektare eziyi 20 t, imveliso yayo yona incinane.

Ukuvuthwa

Ivuthwa pha emaphakathini wesizini, ukusuka pha kwiveki yesithathu kweyoMdumba.

Amaqunube

Oluhlobo luncinci ukuya emaphakathini ngesiqu, lunamaqunube anxazonke. Uhlobo olumhlophe lunombala obhelu buluhlaza, nangona umbala wamaqunube abomvu umbhatshile ukuya kumbala omnyama bubomvu, kuxhomekeke kwiwele layo.

Amagqabi

Amagqabi wendindi zombini ambala omnyama buluhlaza, angqindilili, anxazonke kwaye anamajikijolo amathathu.

Izinambuzanene Zifo

Oludidi luvamiseke ukutshabalaliswa lilanga, kwaye luba nkenenkene kumhlwa omhlophe, ixoshombe elintofontofo, ibortytis kunye nombolo omuncu.

Intsebenziso

Lusetyenziswa kakhulu kwimveliso yewayini emhlophe nebomvu ebilisiweyo, ethengiswa phantsi kwegama le Muscadel. Amathontsi amancinci asetyenziswa kwimveliso yewayini eswiti ngendalo.

Incasa

Lewayini inekhono lokugcinwa isidala ngaphezu kwazo zonke ezinye iindidi. Ezo zenzelwe ukusela kwasekuqaleni, zinevumba lomdiliya ukuya kwiimbali, ezo zihlaliswe isidala zibanevumva elityebileyo nezinongo ezingathi ziziqhamo ezinobusi, ikharameli kunye ne thofi.Translated by Aviwe Damane