Martial Eagle
Ukhozi

© Shem Compion
Martial Eagle.

Igama

Ukhozi

Inkangeleko

Lentlobo yo Khozi yeyona inkulu ukodlula onke Amakhozi ase Afrika, kwaye inamandla amangazayo, ingamgila umntu omdala ayokuwa ngomqolo. Aziwa ngokubanamandla enyaweni olunye anokophula ingalo yomntu. Inobunzima obuphantse bufikele kwi pawundi ezingama 14 (6.5kg). Ubukhulu bamaphiko bulinganiselwa kwi 6 feet 4 inches. Ize yona ibengama 32 inches ubude. Umzimba walo wangentla umdaka othinzileyo ngebala kunye nesisu esimhlophe kunye nemigca emnyama. Imilenze imhlophe kwaye ine nzipho ezinkulu. Amantshontsho ohlukile kunentaka ezindala.

Isidlo

Kwezinye iindawo AmaKhozi atya ezinye iintaka njengesona sidlo sibalulekilyo kwisidlo sawo, kuquka iimpangele, izakhwatsha,iinkukhu kunye neseme. Nezinye iintaka ezinkulu zase Europe zikhe zibengamaxhoba wolu Khozi. Kwezinye iingingqi ezintaka ziye zitye izilwanyana ezinamanqina amane, ingakumbi imbila neenyamakazi ezincinci. Izilwanyana ezinkulu kangaka ngamathole e Mpala, nenkawu maxa wambi neebhokwe zekhaya namatakane egusha liyawaxhwila.
Kumanye amaxesha lixhwila ne Ngwe yeziduli no Dyakalashe; kunye nenyoka ezimbalwa namacikilishe. Kuyabonakala ukuba Ukhozi lungatya nantoni na efumanekayo. Ayaziwa ngakutya imifuno eluhlalaza neziqhamo, ngaphandle kokutya amatakane igusha.

Ukuzala

Iingqweji zakhelwa emithini eyahlukileyo, nakobuphi na ubude ukuqala kwi 20 feet ukuya kwi 80 feet ukusuka emhlabeni, but avamise ukukhetha owona mthi mkhulu kulondawo, kwaye okhula eqhineni elonyukayo okanye eliweni apho ingakwazi kakuhle ukubona ezantsi, kwanokwehla. Isibini sibanengqweji ezimbini ezithi zizisebenzise zombini ngokutshintshana ukuba asisinyanga, kodwa ukuba siso sodwa esi sibini sizisebenzisela ukuphinda phinda uzala ezingqweji. Zenziwa zibenkulu umgama oyi 4-6 feet ukuxwesa kunye ne 4 feet ukutyeba. Zivamise ukuba mgobongqo xazisentsha- yaye zivuleke kakhulu kunobunzulu. Ezi ngqweji zenziwa ngeentswazi ezinkulu ezifikelela kwi sinye esinesiqingatha ubude. Zize zifakwe amagqabi aluhlazangaphakathi.

Zingasetyenziswa zezinye zitshintshiselana iminyaka emininzi. Ixesha lokuzala luqala ngexesha lobumanzi, xakuqala ixesha ekunqabe imula, okanye xa liphela elixesha ngokokushiyana kweengingqi. Ibazimazi ezifukamela amaqanda, kodwa nayo imazi iye ihlale. Imazi ishiya ingqweji iyokukhangela ukutya kwaye ayifane iphathelwe ukuty yinkunzi.

Ixesha lokufukama luqikelelwa kwisithuba sentsuku ezingama 45. Amantshontsho a ethe-ethe yaye athambile xa esandula kuqandusela, kodwa aqala ukomelela nokugushuza xa enentsuku ezingashumi amabini. Xa sele enentsuku ezingama 32 sekuntshula uboyana obuphantse bugqume umzimba wonke, ze ithi ifikelela kwintsuku ezingama 70 zibe iintsiba zigqume umzimba wonke. Amantshontsho afunzwa ngunina ade abenentsuku ezingama 60 ubudala, naxa sele enentsiba ngokwaneleyo libe selikwazi ukuzixhwilela ixhoba ngokwalo. Ngethuba amantshontsho asemancinane kakhulu imazi ishiyeka kwingqweji okanye kufuphi nayo,ize inkunzi izingele ibuye nexhoba. Imazi ijikeleza kufuphi namantshontsho ayo ize ifumane ukutya kumaxhoba aze nenkunzi kangange sithuba sentsuku eziyi 50. Emva koko izingela ize nexhoba engqwejini ngokwayo ize inkunzi iyeke ukuxhaphaka emva koko. Amantshontsho agadwe ngononophelo kwintsuku zawo zokuqala, kodwa emva kwentsuku ezilishumi elinesine, imazi ayiwagadi kakhulu ngaphandle kwasebusuku. Emva kokuba libhabhe okokuqala intshontsho (Libe linentsuku ezibalelwa kwi 100 ubudala), lisenokubuyela ukuzolala engqwejini iintsukwana,emva koko liyokuzihlalela kude kunayo. Lize limane libonwa lindanda kufuphi nalengqweji isithuba senyanga ezintandathu.

Ukuziphatha

Eyona ndidi yoKhozi inkulu eAfrika, lentaka ikholwa kanye yimithi enameva engahlalwayo zezinye iintaka nezilwanyana kunye nendawo ezinengca ifumaneka kwizwe lonke lase Afrika. LamaKhozi achitha ixesha lawo elininzi ethe ngcu emithini kwaye athi andande xasekuqina intsasa (10am). Esi senzo ke siye sehle ngamanda ukusukela kweyesi 3 pm yaye ixhomekeke kakhulu kubushushu. Lentaka igada ithyoba iwaxhwila ngokuwaqubula amaxhoba ayo. Zisenoku bhabha iyure ezininzi phezu komhlaba ngaphandle kokuzingela, kodwa ikwa izingela ngokubhabha. Ibulala okanye ihlasela ngokwehla ngesentya esiphezulu okanye yehle ngokucothayo ukuba yindawo ephangaleleyo. Indlela eyehla ngayo bulawulwa yindlela amaphiko ame ngayo-Ngokuthi liwaphakamisele phezulu abheke ngemva.

Lisenokubulala ngoku lithe ngcu emthini, kodwa kunqabile oko, kwaye uninzi lwamaxhoba alo othuka sele lufikile ngenxayesantya eye ihambe ngaso. Linentloni ke kunezinye iindidi zamakhoz aseAfrika, kwaye lihambela kude kunabantu. Nangona kungenokutshiwo ukuba luyafuduka liyahamba hamba kwalapha kufuphi.

Apho afumaneka khona

Ukhozi lufumaneka kwindawo ezinamathafa engca kunye nengingqi ezinemithi enameva ase mazantsi eAfrika, ukuqala eSenegal ukuya e Somalia kunye namazantsi e Koloni. Ikwafumaneka nakumathafa aphangaleleyo omileyo, kodwa awafane abekhona ehlathini, nangona akhe afane azalele emahlathini, kufuphi nasemathafeni.

Igama lesi Latin

Polemaetus bellicosus