Kutheni Kulinywa Isivuno Esiphilayo

© Participatory Guarantee Systems SA

Ingxaki ekwizwe lonke yokutya nengxaki yemali ibonakalise ukohlulakala kwendlela yeekhemikhali yezolimo ukuphelisa indlala nentlupheko lendlela yekhemikhali yezolimo yongeza kwinyikima zomhlaba nokutshabalalisa izityalo zethu kunye namanzi nomhlaba.

Ukongeza, lendlela (yokutyala isityalo esinye) yenze ukutshatyalaliswa ezemveli zolimo. Iqela elichaseneyo liyakhula emhlabeni jikelele-Ezolimo ezaziwa nge ‘agro-agriculture’ ziyacetyiswa kwaye ziyasekwa njenge sisombululo endaweni yokusebenzisa iikhemikhali.

Enye injongo kuku khuthaza amafama okokuba akhathalele imveliso zendalo ze akhathalele umhlaba ngendlela eyiyo. Ukulima izityalo eziphilayo, kuthathe indawo apho ukugunyaziswa kunye nokulinywa kwemveliso ezezona zijongwayo. Lendlela yokulima izityalo ‘eziphilayo’ ihamba iye kwifemu zolimo apho ingeniso isesona sizathu sako konke. Ukulima izityalo eziphilayo eMzantsi Afrka kune nkohliso ezininzi.

Enye yengxaki kuku gunyaziswa njengomvelisi ovelisa isivuno esiphilayo, enye yezikhohlisi kwimithetho ye agro e-ecology kwaye, kumaxesha amaninzi, iyabiza kakhulu kumafama amancinci amaninzi. Imibutho eMzantsi Afrika, India, Brazil ijonga ezinye iindlela ezifana ne Participatory Guarantee System (PGS) apho amafama ngokwawo aqinisekisa okokuba imveliso zabo. Lendlela isusa ukulandela imithetho ekude ebizayo kwaye ibeka amafama endaweni yokugunyazisa okanye indlela yokubayingxenye ixesha elithile.

i-PGS yaziwa kumhlaba jikelele njengenye indlela yokuvuma nokugunyazisa kwaye ivumelekile abavelisi abavelisa kancinci. Amafama avelisa imveliso ezingaxutywanga ezikwaziwa njenge sivuno esiphilayo, lilonke imveliso yezityalo nezilwanyane zinoxolo nendalo ngaphandle kokusebenzisa iikhemikhali ezinobungozi nokusebenzisa ezendalo umzekelo isikhulisi, ulawulo lwe nkumbi ezidlayo nokwenza ngcono umhlaba.

Isiphumo yimveliso engaxutywanga na khemikhali nee (hormones) kwaye nezinga eliphezulu eline Genetically Modified Organism (GMO) – ezi ke zizityalo, izilwanyane okanye iintsholongwane ezino bubona obuthathwe kwezinye iintlobo zesivuno.

Translated by Zikhona Plaatjie