Kingfisher
Uxomoyi

© Roger de la Harpe
Malachite Kingfisher found in KwaZulu-Natal South Africa.

Inkangeleko

OoXomoyi zezona ntaka zinemibala mihle egqamileyo, kwaye unintsi lunamazwi antyiloza kamnandi nezimbo ezinikisa umdla xa imazi nenkunzi zifunana. Unintsi lwabo lunentsiba eziluhlaza okwesibhaka-bhaka kwaye banemilomo ebomvu. Abanye bade bahlala kwigadi ezenziwe ngabantu, kwaye bayafumaneka kwigadi zemisi ezisedolophini.

Isidlo

Nangona igama layo lesingesi iyi King fisher (Inkosi ymlobi), oku akuthethi ukuba zonke zitya intlanzi- Uninzi lutya izilwanyana ezifana neempuku,amacikilishi kunye nezinye iintaka. Okanye batye izinambuzane. Kwaye ezinye zezintaka azifane zisondele emanzini.

Ukuziphatha

Uxomoyi uthi ngqcu emthini, unentloko enkulu, intamo emfutshane kunye nomlomo omde oqinileyo. Ezi ntaka ziphantsi kosapho lwe Coraciiformes kwaye zihlobene nentaka ezitya iinyosi kunye ne langazana. Zibhabha ngesantya esiphezulu esihamba ngqo, kunqabile ukuba zibhabhele phezulu kunemithi. Xa zizingela intlanzi, Uxomoyi uthi dyumpu emanzini ngentloko aze aphindele emthini ukuze abulale atye ixhoba lakhe. Ooxomoyi bavamise ukulala kwindawo ezibufana namatonela okanye imingxunya.

Apho bafumaneka khona

Zili 86 iindidi zoXomoyi kumhlaba wonke. IAfrika inendidi ezili 18, ishumi kwelinani lifumanela ku Mazantshi okanye e Ntshona Afrika.

Ooxomoyi abatya iintaka

Ezona ndidi zitya iintlanzi zifumaneka Emazantsi nase Mpuma Afrika. Zizindidi ezine ezahlukileyo. Ezindidi ke zitya kuphela intlanzi okanye ezinye izilwanyana ezifumaneka elwndle (Ezinye zazo ke zithanda ononkala basemlanjeni, onojubalala nezinambuzane ezibhabhayo ezihlala kufuphi namanzi). Kwaye azisokuze zibonwe kude namanzi. Ezintaka zizalela emingxunyeni egqunjelwe ecaleni kwamilambo. Yaye uninzi lwazo lunobango kakhulu ngendawo. Zivamise ukuhlala ziliqela losapho, amantshontsho abezelwe ngonyaka ophelileyo athanda ukuncedisa ekukhuliseni amantshontsho amatsha abazali bawo. Kwaye ishumi elinesibini nangaphezulu luyadibana ukuzolala ebusuku. Kwi bhedi eyenziwe ngomkhanzi. Ziyakwazi ukundandela phezulu, uXomoyi uyakwazi ukuzingela intlanzi ekude nomlambo. Ubude bazo bufikelela ku 30cm.

Ooxomoyi abangazingeliyo

Zi 6 indidi zoXomoyi abaphila ngezinambuzane nezinye igrogro ezihlala emanzini. Uninzi lwazo luxwhilwa emhlabeni owomileyo. Yaye uninzi lwazo lusabonwa kufuphi namanzi yaye zizalela esantini. iPygmy Kingfisher ayikho nde nakune entyli, kodwa inombala oqaqambileyo o orenji, no boya bayo obuluhlaza wolwandle uyenza ibukeke nangakumbi.