Izixhobo Zoku Coca

©Judy Stuart
Ukuba sempilweni kwaye nempilo yemivundla ixhomekeke ekutyeni kakuhle, nokuyi gcina icocekile ngawo onke amaxesha. Kubalulekile ukubanezixhobo ezenzelwe kwaye ezikulungeleyo ukucoca indawo ehlala imivundla, icocwe ngaphakathi nangaphandle.
Kwindlwana ehlala kuyo imivundla. Umtshayelo oqinileyo nefotsholo kubalulekile zibekhona zisetyenziswe ukugcina kakuhle kwaye kuhlale kucocekile phantsi.
Indawo etshayeliweyo ivalela iinyoka nee mpuku zingafikeleli apho kuhlala khona imivundla njengoko ziyibulala kwaye ke azidibani nendawo etshayeliweyo yacoceka. Xa indlwane zemivundla zigcinwe apho kukho amatye phantsi ayi konkrete, kuye kube bhetele xa kondlalwe nge mpuphu ngaphantsi kwe ndlwana. Oku ke, kuye kufunxe umchamo, namanzi achithekileyo kwaye igcina izinambuzane ezinje ngee mpukane kude nendawo.
Xa imivundla igcinwa kwindlwane ezenziwe ngamaplanga, kubalulekile ukuba nezixhobo zokucoca indawo ezimanzi nezimdaka.
Imivundla ingalolongwa ekusebenziseni izindlu zangasese ezaziwa ngokuba zi ”potties” ngolwimi lwasemzini. Gcwalisa isikhafutina esingumlinganiselo oyi 45 x 30 obukufana nesitya sotyela ikati nemivundla ngempuphu, wakugqiba ibekwe kwindawo ekhethwe njengendawo yokuya ngasese ngumvundla.
Yonke imivundla iye ikhethe indawo enye yokuya ngasese. Oku kwenza ukucoca kube lula kakhulu njengoko isitya sikwazi ukususwa, icocwe, ihlanjwe kuphinde kugalelwe enye impuphu.
Indlwana ezenziwe ngengcingo ziye zidinge ukucocwa ngesicoci socingo ukususa ingca nobumdaka obotsheleyo, okanye ibhokisi zengqweji zee Ntaka. Amapheyile ne kiliva enza kubelula ukukha amanzi kwezindawo zifuna uvaswa, kutshayelwe umgquba. Konke oku kufuneka kuye kwinduli yogquba wegadi. Nkqu inwele zemivundla ziyacocwa ziye kwinduli yomgquba.

Translated by Zikhona Plaatjie