Izinto Zokwenza eMapungubwe National Park

Ungakhwela Ibhayisekileyo

©Jacques Marais
Ukuqhuba ibhayisekile yentaba phakathi kweemithi emikhulu-efana neye simuku-kwindlela enamatye nothuli-isanti iyinto enikisa umdla nenyusa amaphaphu kubantu abawuthandayo lomdlalo webhayisekile.

Ungahamba-hamba

©Roger de la Harpe
Ungahamba ngakwindawo esentla kwemithi, uye enkcochoyini nalapho ungabona indalo entle, ngapha komlambo we Limpopo osingiswe kumazwe asebumelwaneni afana ne Zimbabwe kunye ne Botswana.
Phaya phambili ungabona namatye abutyhelirha angalinganiyo.
Ungaqasha nabantu bokubonisa lendawo, abanokusa kwiziza ezinamatye azotyiweyo, isiza senkcubeko yaseMaphungubwe (Maphungubwe heritage site), imizila yee nyawo ze dinosaur kunye nowona mkhulu mthi wesimuku.

Ungaqhuba

©Jacques Marais
Malunga nama 35km weendlela ezikulepaki zikulungele ukuhamba ngemoto eziqhelekileyo zohlobo lwe sedan, kodwa ukuba uzakugqithela kwi 100km ungasebenzisa imoto zohlobo ezilungele ukuhamba nakuyo nayiphi na indlela (4x4). Ukhumbule ukwetha eAlldays okanye eMusina, kuba awunakuthenga petroli xa sele usepakini.

Ungabuka Iintaka

©Shem Compion
Kori Bustard bird.
Izakhiwo zamatye, amahlathi eMopani kunye nehlathi elikhethekileyo elinomlambo kunye nemithi yesimuku, zonke ezi zinto zahlukeneyo zilikhaya leendidi ezahlukeneyo zeentaka. Ngoko ke abathandi beentaka bangabona iindidi ezingaphaya kwama 400, kuquka iseme, igqubusha, kwakunye ne sikhova esitya iintlanzi.

Translated by Zizipho Silwana