Izindlu zama Ntwana

Izindlu zase Kwarrielaagte

©Dr Peter Magubane

Izindlu zase Kwarrielaagte zibonakalalisa umanyano nokubumbana koluntu lengingqi yama Ntwana. Izindlu zabo ziyimbonakaliso yezindlu zase kuhlaleni kwaye zibonakalisa ukuzihlalela kwakhaya ngokuthula kwingingqi iphela. Ukuya kwinkundla (kgoro) esingisa kwizindlu ugqitha kwii kona zikawonke wonke, zinonakalisa gca kwimizi emibini okanye emithathu.

Abafazi bama Ntwana bavumelekile ukubanezindlu zabo emveni kokuzala umntwana wokuqala. Kwimeko apho indoda inabafazi abaninzi (Ama ntwana avumelekile ukutshata abafazi abaninzi), kuye kwakhiwe izindlu ezimbini okanye ntathu ezijongeneyo. Abafazi bama Ntwana bahombisa udonga ngaphandle nangaphakathi kwenkundla bazobe ke elokhaya.

Izindlu zityabekwa zihonjiswe ngabafazi, amadonga enziwa ngomhlaba, ubulongwe kunye nohlobo lwelitye elirhabaxa. Izindlu zohonjiswa ekupheleni kwexesha lokuvuna. Xa kuqalisa imbalela nangexesha eliphakathi kokuvuna izivuno nokulima isivuno sonyaka olandelayo. Ukutyabeka okanye ukuhombisa amadonga yenye yemisebenzi yokuqala ethi yenziwe ngumakoti xa esemtsha, kodwa ayingomsebenzi wakhe yedwa kuba izihlobo ezingamabhinqa ziyancedisa.

Umhlaba obomvu, omhlophe kunye nomnyama uyadityaniswa (limo), konke oku kusetyenziswa ukuhombisa amadonga kwaye kusebenza njengokhuseleko kubugwirha. Xa sele kudityaniswe yonke lemibala, abafazi batyabeka ngayo besebenzise iminwe okanye amakhuni. Imizobo yama Ntwana ayifani nemizobo yama Ndebele enemibala eqheleqhele nezakhiwo zawo ezintle, uhonjiso lwama Ntwana lwezindlu alubaxwanga, kwaye aludiki, kuzotywe ngendlela ethile enekona namajikojiko.

Logama injongo ikukwenza ntle indlu, iintlobo zemihlaba kukholelwa okokuba zinamandla njengeyeza, lokukhusela nokuphilisa. Kwa lemibala mithathu idityaniswayo (ubomvu, mhlophe, hlaza/ mnyama) lemibala iyabonakala kwinto yonke ebonakalisa ama Ntwana nenkcubeko yawo, kunye nezinye izinto ezidityanisiweyo okanye zibonakale kulemibala mithathu kwaye lemibala isetyenziswa kakhulu kwimisebenzi yesintu nakwimeko zemihla ngemihla.

Kodwa ke lemibala mithathu imisebenzi yayo ingapha kwemisebenzi yesintu okanye imisebenzi yoluntu ngoku sesikweni. Lemibala ivela kwisinxibo somama bama Ntwana, kwizinxibo zentsimbi zefaskoti, nentyatyambo ezinxitywa entloko zijonge ecaleni kwintloko zoomama bama Ntwana. Ukuqhubeka phambili, imihlaba enalemibala isetyenziswa kumadonga emakhaya njengomlingo, kwaye inkolo ithetha ukhuseleko kumashwa awenziwa ngabantu kunye nalawo enzeka ngoku kamoya.

Translated by Zikhona Plaatjie