Izimfifingi Ngaphandle

© Roger de la Harpe
Bont Tick (Amblyomma hebreaum) found in short pasture targets birds and mammals.
Mandulo, amafama ayengazidini ngezimfifingi zangaphandle ezinje nge ntwala, mangolwane, namakhalane, izinambuzane nee mpukane. Ezimfifingi zitya igazi lentaka, oko kwenza intaka zingaziva kamnandi kwaye nempilo yazo ichaphazeleke ngendlela embi. Ukuvelisa amaqanda nokukhula kwazo kuyaphazamiseka. Kwi meko ezinobuzaza kungade kufe iintaka, ingakumbi amantshontsho nentaka ezingaziva kamnandi ngokwempilo zisemngciphekweni.
Intaka zisuleleka xa zithe zadibana nezinye izilwanyana ezisulelekileyo, ezinje nge mpuku ezinkulu ezaziwa ngokuba zirote nezinye intaka, izixhobo ezinje ngama kreyiti. Indlela zovelisa ezithile apho intaka zigcinwa zonke- Amafama kufuneka ahlale evundlile njengoko usuleleko lungathi bhe lunone. Amafama agcine intlobo ezaziwa nge free - range okanye intaka zasendle funeka ahlale ezijonga intake ukuze ingxaki zibonakale ngethuba zingeka binabo ubuzaza.

Iintwala

Intwala eziyi Avian ziyaluma kwaye zithanda izilwanyane ezithile. Zithi zizondle ngesikhumba okanye uboya. Kungako zingahlali ixesha elide kubantu nezilwanyana ezimanqina mane. Kodwa ke ziyaluma kwaye zishiye kubomvu kurhawuzelela. Kubalulekile ke ukunxiba izikhuseli ezandleni xa kunyangwa intaka kwi zimfifingi.
Iintlobo ngentlobo Zikhona, zonke ke ziye zikhethe indawo ethile entakeni ususela eboyeni ukuyoma emaphikweni, emzimbeni okanye entloko. Ubude bungange 2mm ukuyoma kwi 5mm, ngaphandle kwempiko, amanqina amathandathu, zimbaca umbala utyheli buku mdakana. Amaqanda angwevu, mhlophe nemibala ehlukileyo kwaye abekwa ngokubekwa.

Iimpawu Zoqhambuko

Intaka ezinentwala zikhangeleka zingabukeki kwaye zinganikisi mdla. Iintsiba ziyaxhwitheka ziqhuqheke kwaye zihlala zingonwabanga. Ziye zizikwrempe zimane zizigusha kwalapha kuzo zifuna ukuziva ngcono. Usuleleko lwesikhumba lungenzeka kwi meko ezinobuzaza zosuleleko. Imeko ibembi kakhulu. Usuleleko olumandla lunga negalelo kwi Ntaka ezingamadoda ekuveliseni inzala. Ukuvelisa amaqanda entakeni ezingabafazi amantshontsho atyebe. Amantshontsho amancinci kakhulu angafa.

Translated by Zikhona Plaatjie