Ixesha loku Ndwendwela eRichtersveld

Owona Mbuzo Umkhulu

©David Fleminger
Okokuqala, iintyatyambo zikhona unyaka wonke. Iintyatyambo zase hlotyeni (ezifana nezaziwa ukuba zi’crassulas’) faka intwana yombala nenyanga ezishushu ukususela ngenyanga ye Nkanga ukuya kweyo Mdumba.
Izityalo ezininzi ezivelisa ezinye, ezaziwa ngokuba zi ‘geophytes’ ngelase mzini kunye ne zinendawo yokugcina ezaziwa ngokuba zi ‘bulbs’ (ezifana nosapho lwe Amaryllis) ziyadubula loxa isimo sezulu siqala ukubanda, ekupheleni kokwinda-ukuya ekuqaleni kobusika. iCandelebra Lily enevumba, Brunsvigia bosmaniae inembonakalo enomoya kwimbonakalo, ibonakala kwiveki ezintathu emveni kwemvula ezinzima zenyanga yoKwindla–ukuya ku Tshazimpuzi (nangona oku kungenzeki rhoqo kwiminyaka). Ebusika, amakhala amaninzi aqalisa ukudubula.
Esona sehlo, siqala xa isimo sezulu siqalisa ukuba shushu ekupheleni kobusika-xa kuqala intwasa hlobo. Ukuthetha ngoku phandle, iintyatyambo zase twasa hlobo ezidumileyo ziphuma ekuqaleni kweye Thupha naphakathi kweyo Msintsi, nikeza iiveki ezithile macala omabini. Phakathi ukuya ekupheleni kweye Thupha kwaziwa ngokokuba lixesha elixakekileyo, kodwa ke zikhona ezinye izinto ekufuneka zicingelwe.

Imvula Engamandla, Ukubona Ngcono

©Jacques Marais
Okokuqala, kukho iintlobo ezinini ezohlukileyo zentyatyambo zase ndle, kuquka ezonyaka (ezifana ne daisy), vygies (mesembs), perennials, geophytes, kunye ne shrubs, ezithi zidubule ngexesha lentwasa hlobo. Ezintlobo zezityalo zinamaxesha okukhula ohlukileyo kwaye zidubula ziphinde zife ngamaxesha ohlukileyo ngentwasahlobo.
Okwesibini, kufuneka uqonde okokuba iimvula zobusika ziwe nini. Iintyatyambo zizakuqala ukukhula kwinyanga okanye ezimbini emveni kwemvula ezinamandla, kwaye zingenzeka ngamaxesha ohlukileyo kwindawo ezohlukileyo kummandla. Ubuninzi bemvula buhamha nangendlela ezizakukhula ngayo – imvula engakumbi, nembonakalo engcono.
Kufuneka uzibuze, uphi? Iintyatyambo zidubula xa ubushushu buqala ukunyuka. Oku kwenyuka kwenzeka kwindawo ezingase lwandle nangase mantla, phambi kokuhambela ngase mpuma ukunqumla phakathi eNamaqualand. Ubuphezulu budlala indima, njengoko xa usenyuka kuye kubanda kwaye ukukhula kuzakwenzeka. Ubude bentaba ze Kamieskroom kungade kubene mbonakalo zezityalo ekupheleni kweye Dwarha.

Vala Indawo Kwangethuba

Kufuneka ucingele ukutshintsha kwesimo sezulu sentwasa hlobo. Xa kukho utshintso olukhulu ukususela kubusika obubandayo ukuya kwintwasa hlobo eshushu, iintyatyambo zizakufa ngoku khawuleza. Xa ubushushu bentwasa hlobo busezantsi, nobusuku obubandayo, iintyatyambo zizakunyamezela ixesha elide. Isimo sendawo kufuneka sijongwe, kuba ubushushu, nomoya oshushu ovuthuzayo ezantsi entabeni kungasula ikoloni yonke ye ntyatyambo ngobusuku, lilonke kufuneka uhlale ucondobile.
Lilonke, kuxhomekeka okokuba uphi, kwaye nohlobo lwentyatyambo ofuna ukuzibona, ixesha lazo linga qala ekuqaleni naphakathi kweye Khala iye ekupheleni kwe yoMsintsi. eyeThupha yeyona nyanga ingcono ungakumbi eNiewoudtville nase Springbok. Kodwa ke ikhona ingxaki. Awukwazi ukulinda de iintyatyambo ziqalise ukudubula, emveni koko qabela emotweni yakho wenze umdyaro ukuya eNamaqualand.
Konke oku, ngexesha lezityalo. Ummandla wonke indawo iye ivalwe de kube zinyanga ngaphambili. Ndayifumanisa lento kuqala ukufika kwam Vanrhynsdorp ngaphandle koku vala indawo yokuhlala, wafumanisa okokuba iihotele zonke, izindlu zaahambeli, nee nkampi zigcwele zonke, kwaye zigcwele ziyaphuphuma. Iidolophu ezikufuphi zase Vredendal nase Niewoudtville zazigcwele.
Kubuhlungu ukuma ngxi kwidolophu ongayaziyo, ebusuku, utsala umnxeba kwindawo okugalela amafutha wemoto, kodwa ufumanise okokuba awekho amagumbi akhoyo kwindawo zokulala, nangeliphi na ixabiso. Ndancama ndaqhuba ndaya eKlawer (ikholomitha eziyi 20) ndafumana igumbi lokugqibela kwindlu yabahambeli, eyayi sisikolo sasefama ngaphambili. Ngexesha ndihleli kwindawo yokuzilolonga eyenziwe igumbi, ndisitya isidlo sakusasa, ndayiqonda okokuba bububhanxa ukucinga okokuba ndingasuka ndifike nje kwixesha elixaxekileyo ndingene nje kwigumbi lehotele. Kodwa ndazithuthuzela ngokuba ndenze impazamo endaweni yenu.

Uhambo Olucwangcisiweyo

Esinye isizathu zokunqaba kwendawo yokuhlala ngamaqela andwendweleyo. Uyababona kwindawo yonke; iibhasi ezinkulu zihambisa amakhulu abantu abadala ukunqumla eNamaqualand kuhambo lokubona iintyatyambo. Ihotele yase Vanrhynsdorp yayigcwele bona, benxibe amagama abo aqhotyoshelwe kakuhle kwisuti zabo nelokhwe ezinamagqabi; amazinyo amakhulu, nenwele ezininzi kwisibane. Kwakudinisa ukuma khona logama begcwelise iholo, bencokola ngolonwabo nosaziwayo abaphetheyo umsitho endleleni eya apho kutyelwa khona.
Ungandivi kakubi. Abantu abaninzi, uhambo olu lungisiweyo zezona ndlela zingcono zokungena eNamaqualand netyatyambo zakhona, ndingubani ukuba jongela phantsi ulonwabo lwabo? Uhambo lunikeza ukhuseleko, ukugadwa, kunye nobumnandi. Kwaye ziyonga ngase pokothweni.

Translated by Zikhona Plaatjie