Ivuthwa Nini Imidiliya ye Wayini?

© Louise Brodie

Ukuze kubonwe ukuvuthwa kwemidiliya ye wayini, imidiliya kunye nezihlahla ziyahlolwa ukuze kubonwe ezizinto zilandelayo zibonakalisa ukuvuthwa: Inqanaba leswekile Iasidi Umbala Ukuphuhla kwencasa pH Xa imidiliya kunye nezihlahla zikhelwa ukuhlolwa, kufuneka kugadwe kungakhiwa kwindawo enye kwimithi yediliya; kuba lendawo isenokungafani nebloko lonke.

Makukhiwe kwindawo ezahlukeneyo kwintsimi yediliya. Emacaleni kunye nangaphakathi kwimiqolo kwakunye nakwi ndawo ezibetha ilanga nezisemithunzini. Ukukhiwa kwemidiliya yokuhlolwa kuvamise ukwenziwa kanye emva kokuba izihlahla ziqale ukutshintsha umbala. Kuphindwe xa ziqale ukuthamba, emva kweveki ze kumane kukhiwa emva kweentsuku ezimbini de ibelilixa lokuvunwa.

Ezi sampuli zisiwa e laboratory, nalapho idiliya zicunyuzwayo zidityaniswe; emva koku amaqondo eswekile kunye nawe pH ayametwa. Oku kushicilelwa kunye nomhla, inombolo yediliya okanye yebloko kwakunye nendidi yomdiliya we sampuli nganye. Ukunyuka kokuvuthwa kungabhalwa kunye nomhla ekunokuvunwa ngawo ungaqikelelwa ngokwengxelo yeziphumo.

Yenziwa Njani Isampuli ye Midiliya

Iidiliya ezimbini okanye ezintathu zikhiwa emazantsi, esiphakathini nangaphezulu kwisihlahla ngaphandle kokukhetha iidiliya okanye ujonge isihlahla. Kubalulekile ukukha imidiliya ngaphandle nangaphakathi komthi kunye nasemacaleni emiqolo: Ngalendlela, isampuli ingamela kakuhle intsimi yomdilliya yonke.

Yenziwa Njani Isamphuli Yezihlahla Zemidiliya

Ikha izihlahla ezipheleleyo ngaphakathi kunye nangaphandle kwintsimi yediliya, ukuqala kwindawo eziphezulu nezingezantsi kunye nakumacala omabini emiqolo. Ngokufanayo nesampuli yemidiliya, musa ukuzikhetha izihlahla. Faka zonke izihlahla kwi emele uqhubeke de ufumane isampuli emele intsimi yonke yediliya.

Translated by Zizipho Silwana